Amaqela aseMdantsane avan’amandla kwiMTN 8

UThabo September no-Ella Ajayi ngethuba bephiswa ngempahla yokudlala kwisikolo saseMdantsane Umfanekiso: Pedro Mapelo

Impelaveki inye yile! Ngamaqela amabini akwazileyo ukuzibekela indawo kumdlalo wokugqibela wetumente ekuthiwa yiMTN 8.

Emva kokubulala amaqela aliqela, iGreen Lovers ne-Ace Cosmos ziza kuvan’amandla kwiWafa Wafa emini ngoMgqibelo kwibala ekuthiwa yiOrlando kufutshane neSisa Dukashe Stadium.

Iqela eliphumeleleyo liza kugoduka neshumi lamawaka eerandi (R10 000), indebe yegolide neembasa.

Amanye amaqela abe yinxalenye yale tumente yamaqela asibhozo ayakufumana amawaka amabini iqela ngalinye njengentuthuzelo.

Itumente iququzelelwa nguMTN kwiphondo laseMpuma Koloni ebambisene neMdantsane Football Association.

Le yenye yeendlela zikaMTN zokutyala kwiindawo zabantu ukuze kubekho abadlali bebhola ekhatywayo abaza kuhluma, bakhule bade baye kumgangatho ophezulu.

Iyaqala ukubakho kulo nyaka – kodwa yinto ekulindeleke iqhube ixesha elide ukuba izinto zihamba kakuhle. Kwiveki ephelileyo abethene amaqela adlala phantsi kweMdantsane Football kwade kwashiyeka amabini.

Imidlalo yonke ibisemgangathweni kwaye kubonakala ukuba amaqela azimisele ukulwela indebe. IGreen Lovers lelona qela elithe lazibalula ngeCawe egqithileyo ngethuba ibetha iSuper Race ngo’5-0.

Izamile iSuper Race ukudlala – kodwa yonganyelwe yiLovers ebibhakuzelisa umnatha into engenasiphelo. Komnye umdlalo iCosmos izibethele iDiplomats ngo’2-1.

Omabini amaqela aya kumdlalo wokugqibela ethembisa kakhulu emva kokuzibonakalisa ngeCawe ephelileyo.

Noxa iCosmos ingaphumelelanga ngamagowuli amaninzi – kodwa inamandla. Emdlalweni ogqithileyo ikwazile ukoyisa iDiplomats ebihamba phambili ixesha elide emdlalweni.

Ukuba indlela edlale ngayo iLovers inokuyigcina, ngaphandle kwamathandabuzo inethuba elihle lokuphumelela iMTN 8 yaseMpuma Koloni okokuqala.