Amaqela aseMzantsi alungiselela iSuper Rugby!

Umdlali ophambili weLions, uApiwe Dyantyi, kulindeleke enze umahluko omkhulu xa iqela lakhe liqala imidlalo yeSuper Rugby umfanekiso: Joe Allison / www.photosport.nz

Ibingumdliva wombhoxo eNewlands Stadium, eKapa, kwimpelaveki egqithileyo.

Amaqela adlala kwiSuper Rugby alapha eMzantsi Afrika aquka iEmirates Lions, iCell C Sharks, iDHL Stomers neVodacom Bulls onwabise abalandeli bombhoxo ukusuka ngentsimbi yesibini uyokuthi xhaxhe emalanga ngeCawe.

Emdlalweni wokuqala, iLions ibethe iSharks ngo’19-14. Komnye umdlalo, iBulls ibethwe siStomers ngo’33-28 ngenxa yeempazamo ezenziwe ngabadlali noxa benamava.

Ookapteni bamaqela omabini bangqinelene ukuba ngenene bezininzi kakhulu iimpazamo emdlalweni.

USchreuder: “Besingayijonganga kakhulu impumelelo kulo mdlalo. Eyona nto besiyifuna kukuqhela ukudlala ngokuba iSuper Rugby iza kuqala kungekudala. Lo nto ibonakele ngokuba zininzi kakhulu iimpazamo esizenzileyo kodwa iSuper Rugby iza kuqala sizilungisile.”

Kanti yena uWhitely uthethe wenjenje: “Siyakuvuyela ukuphumelela umdlalo. Impumelelo iza kunceda ekukhuliseni ukuzithemba kwabadlali. Kodwa mandiyithethe inyaniso; zininzi iimpazamo ezifuna ukulungiswa kwaye siza kuzilungisa ngokuhamba kwexesha ngoba uninzi lwazo lwenziwe kukuba sigqibele kudala ukudlala.”

Umqeqeshi weBulls, uPote Human, uthe ayimkhathazanga into yokubethwa kweqela lakhe.

“Ewe, bekuza kusivuyisa ukuwuphumelela umdlalo kodwa besingajonganga iziphumo emdlalweni. Eyona nto bendiyifuna kukuqinisekisa ukuba abadlali bayaqhelana njengoko usazi ukuba sinabadlali abaninzi abatsha. Besifuna ukubona ukuba baza kukwazi na ukudlala bonke, kwelo cala ndixolile,” utshilo uHuman emva komdlalo.

Emdlalweni weSuper Rugby ekulindeleke iqale kungekudala, iLions iza kudlala neSunwolves yaseJapan ngelixa yona iSharks iza kudibana neJaguares yaseArgentina.

Iqela elikhe laphumelela iSuper Rugby apha eMzantsi yiBulls, lo nto iyenze iminyaka emithathu.

Kubadlali abatsha kwiBulls kungabalwa uDuane Vermeulen, uScalk Brits, uRosko Specman noCornal Hendricks.