Amaqela axhayana nePSL enkundleni ngesicoco seGladAfrica Championship

UDr Irvin Khoza, usihlalo wePremier Soccer League. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

“Nokuba kwenzeka ntoni, sithi iintshatsheli. Ukuba asiliphumelelanga ityala, ngeke isizini yePSL iqale ngexesha layo,” utshilo uShauwn Mkhize, umnikazi weRoyal AM, ethetha kwindibano yamaqela aKwaZulu-Natal kwiveki ephelileyo. NgeCawe edlulileyo, kuhlwe efake enkundleni isicelo sokumiswa kwemidlalo waphumelela. Imidlalo yokuxabangela (PlayOffs) ephakathi kweChippa United namaqela amabini akwiGladAfrica ayikwazanga ukuqala ngoLwesibini ngoba inkundla ephakamileyo eGauteng ithe mayimiswe. Inyathelo elithathwe nguMkhize lilandela isigqibo senye inkundla esithe iSekhukhune United yiyo efanele ukuba ziintshatsheli zeGladAfrica Championship.

Into ebangela amaqela angene ephuma ezinkundleni kukuba amaqela amabini abangisana ngendawo yokuqala kwiGladAfrica Championship. Isizini ivalwe iRoyal AM ikwindawo yokuqala – kodwa iSekhukhune yayinganikwanga amanqaku wayo amathathu yiPSL. Yawafumana emdlalweni eyabethwa kuwo yiPolokwane City ekuqaleni konyaka. Oxuthwa amanqaku kwiPolokwane ngoba yophula umthetho olawula inani labadlali abaneminyaka ethile emidlalweni yeGladAfrica. Ikomiti yeembambano yeSafa yanika iSekhukhune amanqaku amathathu ngoba iPolokwane yophula umthetho. Nangona kunjalo, iPSL yasiphikisa eso sigqibo, ayayinika iSekhukhune amanqaku wayo amathathu kwade kwangomzuzu wokugqibela.

Ngoku iSekhukhune neRoyal AM zilwa kwiinkundla zamatyala ngoba zifuna ukunyuselwa kwiDStv Premiership phambi kwesizini entsha. Ngokwezicwangciso, imidlalo yamaqela alwela indawo kwiDStv Premiership ibifanele ukuba iqale ngoLwesibini wale veki. Isithintelo senkundla esifunyenwe yiRoyal sithethe ukuthi imidlalo ayikwazi ukudlalwa kude kucace iintshatsheli zeGladAfrica okanye iqela eliza kukhuphisana neChippa United evale isizini ikwindawo yeshumi elinesihlanu neRichards Bay evale isizini ikwindawo yesithathu kwiGladAfrica. Inkundla ithe iya kusikhupha isizathu sokumisa imidlalo zingaphelanga iintsuku ezilishumi elinane. Kwelinye icala, iPSL ithe iya enkundleni nayo ngoba ukumiswa kwemidlalo kuza kubetha amaqela ukuba ingaphela le nyanga ingagqitywanga.