Amaqela aza kudada emalini emva kwengeniso exakileyo eyenziwe yiPSL

PSL Chairman Dr Irvin Khoza during the PSL AGM seminar on 14 November 2019 at Kitakyushu Stadium Japan Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Nangona iinkampani
zaseMzantsi Afrika zitsala nzima ngenxa yoqoqosho olungcambazayo okofudo –
kodwa izinto ziyihambela kakuhle kakhulu yona iPremier Soccer League. Amaqela
adlala kwiPSL aza dada emalini emva kokuba usihlalo wePSL, uGqirha Irvin Khoza,
ebhengeze ingeniso yebhiliyoni yerandi (R1.005-billion) kwintlanganiso yonyaka
ebibanjelwe kwiphondo laseGauteng. Intlanganiso iqwalasele phakathi kwezinye
izinto inzuzo eyenziwe yiPSL kunyakamali ka-2018/19. Imali ezuzwe yiPSL inyuke
ngomyinge wesixhenxe ekhulwini (7%) ukuze ifikelele kwimali engaphya
kwebhiliyoni yerandi (R1-billion) okokuqala embalini yayo. Eyona nto enyuse
ingeniso yePSL ngamalungelo okusasaza imidlalo nenkxaso esuka kumaqumrhu
ayixhasayo. Ingxelo yemali ithiwe thaca etafileni emva kokutyikitywa
ngabaphicothi-zincwadi abaphambili – iPWC.

“Ayikwazi
iPSL ukubukela libe ilizwe lisengxakini. Ndiyacela kuwo wonke amalungu acinge
indlela esinokuthi sincedise ngayo elizweni lethu. Ukuwa koqoqosho kondele
kakhulu ngoku. Iinkampani ziza kuyicutha inkcitho yazo. Yiyo lo nto kufuneka
kubekho ukuqondana phakathi kwethu siyiPSL neenkampani ezisixhasayo. Ukubukelwa
kwebhola edlalwa ngamaqela wethu kufunqukile. Lo nto yenza iinkampani zifune
ukusebenzisana nathi,” utshilo uKhoza entlanganisweni namhlanje. Kulo nyaka,
phakathi kwamalungu amaqela angamashumi amathathu anambini (32) abe zimase
indibano yePSL – bekukho ingqonyela yeBundesligga International, uRobert Klein,
obe menyiwe ukuze athethe ngendlela ekunokuthi kwakhiwe ngayo intsebenziswano. Ukukhula
kwengeniso kuthetha ukuthi imali efunyanwa ngamaqela ngenyanga iza kunyuka. Iqela
eliphumelele indebe ye-Absa Premiership liza kufumana ishumi elinesihlanu
lezigidi zerandi (R15-million) okokuqala kule isizini.