Amaqela oMzantsi Afrika enze umebenzi oncomekayo emidlalweni yeCAF

UTandi Mwape weTP Mazembe FC noBonkingosi Ntuli waMaZulu emdlalweni weCAF Champions League obuseMoses Mabhida Stadium kutshanje. Umfanekiso: Gerhard Duraan/BackpagePix

Onke amaqela aseMzantsi Afrika aqhube ngendlela encomekayo kakhulu emidlalweni yeCAF ebikwimpelaveki egqithileyo. Emidlalweni yeCAF Confederation Cup, iMarumo Gallants ibambene ngo’1-1 ne-AS Vita Club yaseDemocratic Republic of Congo. Iya phambili iGallants ngoba yawuphumelela ngo’2-1 umdlalo wokuqala. Nayo i-Orlando Pirate yenze umtsi yangena kumjikelo olandelayo emva kokubetha iDiable Noirs ngegowuli elinye (1-0) elifakwe nguHappy Jele emdlalweni obuseSoweto. Umdlalo wokuqala eBrazzaville waphela ebambene ngeqanda omabini amaqela. Kanti kwelinye icala, AmaZulu adlulele phambili kwiCAF Champions League emva kokubambana neTP Mazembe ngo’1-1 emdlalweni obuseKinsasha. Igowuli laMaZulu lifakwe nguBongi Ntuli. Emva kokuba AmaZulu ezibekele indawo kumjikelo olandelayo weChampions League, uBenni McCarthy ubaqhwabele izandla abadlali bakhe emva kokwenza umsebenzi oncomekayo.

“Namhlanje bandibonise into abaqhele ukuyenza ejimini abadlali. Badlale ngokukhulu ukuzinikela futhi babonisa ukuba baliqela elingoyikiyo. Ndiyabancoma abadlali emva kokugqitha kwiqela elinamava njengeMazembe. Sonwabe kakhulu singabaqeqeshi ngoba senze imbali kwisizini egqithileyo ngokufumana indawo yesibini. Ngoku idlulela komnye umjikelo weCAF Champions League. Ndiyathemba ukuba abantu bakusikhumbula njengabantu bokuqala abakwazileyo ukuyenza lo nto kuMaZulu,” utshilo uMcCarthy emva komdlalo. Yena uManqoba Mngqithi uthe uqiniekile ukuba iMamelodi Sundowns yakhe iza kuqhuba kakuhle nakumjikelo olandelayo weCAF Champions League emva kokuba ibethe iManiema Union ngo’2-0 omhle eLoftus Stadium. Emlenzeni wokuqala, umdlalo waphela amaqela ebambene ngo’2-2. “Sicinga ukuba sineqela elibhetele kunesizini egqithileyo. Kufuneka sijongane nomdlalo ngamnye – kodwa ndingatsho ngokungafihlisiyo ukuba sinawo amandla wokuyithatha indebe yeChampions League,” utshilo uMngqithi emva komdlalo.