Amasandawana adlulela kumjikelo olandelayo weCaf Champions League

Tiyani Mabunda of Sundowns pulled back by Oluwafemi Junior Ajayi of Al Ahly during the 2018/19 CAF Champions League football match between Al Ahly and Sundowns at Borg El Arab, Alexandia, Egypt on 13 April 2019 ©Gavin Barker/BackpagePix

Amasandawana
adlulela kumjikelo olandelayo nakubeni ebethwe ngegowuli elinye eqandeni (1-0)
yi-Al Ahly emdlalweni weCaf Champions League obuseYuphutha namhlanje ngorhatya.
Amakhwenkwe kaPitso Mosimane aphumelele ngamagowuli amahlanu kwelinye (5-1)
emva kwemidlalo emibini. IMamelodi Sundowns ihlaze iAl Ahly ngemvula yamagowuli
amahlanu eqandeni (5-0) kwiveki ephelileyo emdlalweni obuseLucas Moripe
Stadium. Yilo mpumelelo ke enike iDowns amandla okuya eYiphutha – apho bekufuneka
iAl Ahly iphumelele ngamagowuli amathandathu ukuze iye phambili. Ayilikwazanga
ukuyenzeka lo nto ngelishwa lalo iqela laseYiphutha. Ukuphuma kwelona qela
elinobunganga kwibhola ye-Afrika kunika  iMamelodi Sundowns ithuba lokuphakamisa indebe
yeCaf Champions League okwesibini nangoba kusafuneka isebenze.

UPitso
wothuse umzi ngokuqala umdlalo ngokudlalisa u-Oupa Manyisa endaweni kaGaston
Sirino – oyena mdlali owabulala iAl Ahly kwiveki ephelileyo. UDenis Onyango
ngoyena mdlali obexakeke kakhulu emdlalweni kwiDowns ngoba iAl Ahly ibiquqa
ibuyelela ifuna amagowuli – kodwa kude kwayiwa kwixesha lokuphumla kungekho nto
ebhodini. Iyichanile lo nto iAl Ahly ngoba bekubonakala okokuba ibicwangcise
ukuya kwixesha lokuphumla inamagowuli engxoweni. UHlompho Kekana noTiyani
Mabunda badudule kwakukho esiswini bencedisana noWayne Arendse obetshova
noRicardo Nascimento emva. UTebogo Langerman no-Anele Ngcongca nabo benze
umsebenzi oncomekayo. URamadan Sobhi nguye ofake igowuli layo iAl Ahly
elingakwazanga ukuzixolisa iintliziyo zabalandeli abagoduke belila.