Amasandawana aphumelele okokuqala eSisa Dukashe Stadium namhlanje

UGaston Sirino, nguye ofake igowuli kumdlalo wePSL obuphakathi kweChippa United neMamelodi Sundowns. Umfanekiso: Bhekizizwe Radebe/ANA

Inyukele phezulu
iMamelodi Sundowns emva kokuphumelela okokuqala eSisa Dukashe Stadium
xeshikweni ibetha iChippa United ngo’1-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League
obumhle obuusuku namhlanje. Igowuli lifakwe ngumdlali osebenza ngokuzimisela
okukhulu uGaston Sirino kwisigaba sokuqala somdlalo. Impumelelo yamaSandawana
namhlanje ibiyeyesithathu kule sizini emva kokudlala ntanganye imidlalo
emihlanu yonke. IChippa United ayikwazanga ukuqokelela amanqaku apheleleyo
kwimidlalo emibini yonke ilandelelana. Nakubeni ingekho sendaweni embi kakhulu –
kodwa bekubalulekile ukuqokelela kwayo amanqaku emdlalweni wanamhlanje ukuze
uphucule indawo ekuyo kwiPSL.

Isiqingatha
sokuqala siphele iMamelodi Sundowns inkqenkqeza phambili ngegowuli elinye
eqandeni. Isiququ seDowns esidlala esiswini, uGaston Sirino, siso
esibhakuzelise umnatha ngebhola entle kakhulu kumzuzu wesibhozo umdlalo uqalile
kwisiqingatha sokuqala. Igowuli leendwendwe lithe gqi emva komsebenzi omhle
owenziwe ngabadlali abafana noSirino, u-Andile Jali, uThemba Zwane noHlompho
Kekana esiswini. Elona qela ebelinamandla yiSundowns ikwayiyo ebonise
ukunxanelwa impumelelo emdlalweni. Oyena
mdlali obexakekile kwiChippa United ngunozinti, uDaniel Akpeyi, ovale iibhola
eziliqela ebeziyingozi. Ibivuma iChippa emva – kodwa inqatyelwe ngamathuba
okufaka amagowuli. Umdlalo weChippa United uye waphucuka ekuzeni kuphela
kwesiqingatha sokuqala – kodwa nangoko, iibhola zayo azikwazanga ukuyonzakalisa
iDowns.

Idlale
umdlalo wayo eyaziwa ngawo iChippa United emva kwekhefu isebenzisa kakhulu uGamildein
– kodwa ebesokola ngoba bekukho umsantsa phakathi kwakhe noRhulani Manzini. Abadlali
beChippa babethwe kukulahla iibhola kwiindawo ezimbi – lo nto ibisenza
umsebenzi weDowns ube khaphukhaphu kakhulu. UPitso Mosimane ukhuphe uPhakamani
Mahlambi okungekho nto ingako ayenzileyo kwisigaba sesibini somdlalo. Endaweni
yakhe kungene u-Ali Meza. UJali noZwane baphose ithuba elihle lokufala igowuli
lesibini kumzuzu wamashumi amathandathu anesihlanu – ibhola igotywe kakuhle
nguSirino ekunxele. UTercious Malepe, ongene endaweni kaKlate, uphantse
wayibeka endaweni entle iChippa xeshikweni ibhola yakhe iphuma ecaleni kwepali
kancinci. Inye amaphaphu ibhola ka-Andile Mbenyane ephume ecaleni kumzuzu
wamashumi asixhenxe. Uphumile uMbenyane, yaze indawo yakhe yathathwa nguThabo
Rakhale. UMaboe uphumile kwangena uTiyane Mabunda – bekucacile ngelo xesha
ukuba uPitso ukhangela indlela yokukhusela igowuli ebihamba phambili ngalo
iDowns. Kubekho ukutshintsha okuthile emdlalweni weChippa emva kokungena kukaRakhale noKurt Lentjies – kodwa uMosa Lebusa noNescimento bebevale mba. Uphelile umdlalo iChippa ingakwazanga ukufaka igowuli.

  

Chippa United: Daniel Akpeyi, Zitha Macheke, Tebogo Thlolane,
Thato Mokeke, Frederic Nsabiyumva, Thamsanqa Sangweni, Daine Klate, Thabo
Nthethe, Ruzaigh Gamildein, Rhulani Manzini, Andile Mbenyane.

Amalalela: Mbongeni Mzimela, Boikanyo Komane, Tercious
Malepe, Gerald Modisane, Thabo Rakhale, Kurt Lentjies, Jabulani Shongwe.

Mamelodi Sundowns: Denis Onyango, Lyle Lakay, Anele Ngcongca, Ricardo
Nascimento, Mosa Lebusa, Hlompho Kekana, Andile Jali, Gaston Sirino, Lebohang
Maboe, Themba Zwane, Phakamani Mahlambi.

Amalalela: Kennedy Mweene, Tiyani Mabunda, Motjeka
Madisha, Tebogo Langerman, Toni Silva, Jeremy Brockie, Ali Meza.