
Emva kwamashumi
amathathu evisayo yemidlalo, namhlanje iMamelodi Sundowns ithweliswe isithsaba
emva kokutshatshela kwi-Absa Premier Soccer League kwisini ka-2017/18.
Amasandawana aphumelele eyona ndebe ibalulekileyo ebholeni yelizwe loMzantsi
Afrika emva kokuqokelela amakhulu amathandathu amanqaku. Namhlanje iDowns
idlale ntanganye ngeqanda macala (0-0) neBloemfontein Celtic kumdlalo obumhle
ngeyona ndlela imangalisayo eDr Molemela Stadium ngale njikalanga. Eli lityeli
lesibhozo iSundowns ibamba indebe yePSL.
Kweminye imidlalo,
i-Orlando Pirates ibethe iFree State Stars ngo’2-1 kumdlalo obubanjelwe
e-Orlando Stadium. Lo nto ithetha ukuthi iPirates ibamba indawo yesibini
kwisizini ka-2017/18 emva kokuvala kwindawo yeshumi elinanye kwephambi kwale
ivalwe namhlanje. Kunyaka ozayo iBucs izakube idlala kwiCAF Champions League
nawonye neMamelodi Sundowns.
Indawo yesithathu
ibanjwe yiKaizer Chiefs ebethe i-
kumdlalo obukumgangatho ophezulu eCape Town Stadium ngale njikalanga. UBernard Parker
noJoseph Molangoane ngabo abaqinisekise ukuba Amakhosi ayaphumelela kwaye
afumana indawo yesithathu ewanike ilungelo lokungena kwiCAF Confederation Cup.
Iqela laseKapa (Ajax Cape Town) liza kufumana elinye ithuba lokuhlala kwiPSL xa
lidlala imidlalo yokuxabangela (PlayOffs) namaqela adlala kwiNational First
Division.
AmaZulu FC
angene kwiTop 8 emva kokubetha
ngo’1-0 kumdlalo obubanjelwe eKing Zwelithini Stadium. Usuthu usebenzile
kakhulu emva kokubuyela kwiPSL kwisizini ephele namhlanje. UCavin Johnson
uxolile kakhulu yinkqubela eyenziwe liqela lakhe emva kokutsala nzima kakhulu
ekuqaleni kwesizini.
IMaritzburg
United, ephantsi kwelifu elimnyama emva kokushiywa ngumdlali wayo, idlale
ntanganye ngo’1-1 neGolden Arrows kumdlalo wokugqibela obubanjelwe eHarry Gwala
Stadium. Omabini la maqela akwazile ukungena kwiTop 8; iTeam of Choice ibambe
indawo yesinne – logama Abafana Bes’thende befumene indawo yesixhenkxe.
IChippa United
ayikwazanga ukubethelela indawo yayo kwiTop 8 kwisizini ka-2017/18 emva
kobambana ngo’1-1
Peter Mokaba Stadium.
Yona
iSuperSport United isinde cebeshu emva kokubetha iBaroka FC ngo’1-0 kumdlalo
obuseLucas Moripe Stadium. Amatsatsantsa a Pitori akwazile ukuliphepha izembe
emva kwesizini engawahambelanga kakuhle nangona ayivula kakuhle phantsi
kwesandla sika-Eric Tinkler.
Iwuphumelele
iPlatinum Stars umdlalo wayo wokugqibela. Ibethe iBidvest Wits ngo’1-0 kumdlalo
obuseRoyal Bafokeng Stadium ngale njikalanga. IDikwena ithotyiselwe
ngokusesikweni namhlanje emva kokuvala isizini isemsileni.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike