Amathol’amnyama abethe iBees kowobuhlobo

UMthatha Bucks ngethuba udlala umdlalo wobuhlobo ne-EC Bees FC eGinsburg Stadium ngeCawe. Umfanekiso: Zenande Maqubela

UMthatha Bucks uphumelele ebunzimeni kumdlalo wobuhlobo ewudlale ne-EC Bees. Amathol’amnyama aphumelele ngegowuli elinye kwinto engekhoyo (1-0) kumdlalo obuseGinsburg Stadium emini maqanda namhlanje. Imozulu ibintle kakhulu, lo nto yabangela abadlali bakhululeke kakhulu ebaleni.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla uMthatha Bucks unkqenkqeza phambili emva kokufaka ibhola ngomzuzu wokugqibela kwisiqingatha sokuqala. Lo mdlalo wokucweya obuphakathi kwala maqela ebhola ekhatywayo eMpuma Koloni ebezama ukubuyisela abadlali kwisimo esilungileyo emva kweeholide zeKrismesi. Omabini la maqela adlale lo mdlalo esebenzisa uninzi lwabadlali abangadlali kumaqela amakhulu.

Nangona la maqela edlala kumanqanaba ohlukeneyo – kodwa umdlalo awudlalileyo ubundilisekile kakhulu. NguMthatha Bucks othe wafumana amagowuli acacileyo.

Abuye edlamke ngakumbi kwisiqingatha sesibini. Nakubeni siphele kungekho gowuli lifakiweyo [isigaba sesibini] – kodwa izinga lo mdlalo liye lenyuka kakhulu. Ngokungafaniyo nakwisigaba sokuqala, i-EC Bees, iwafumene amathuba ambalwa okufaka amagowuli nangona bekungekho lula ukugqobhoza kubadlali beBucks emva.

Kwimizuzu yokugqibela kuye kwanyanzeleka unozinti weBucks anqande amanzi engena endlini kuba iiBees bezifuna int’ibilapha. Ekugqibeleni umdlalo uphunyelelwe yiBucks ngegowuli elinye.