Amatsatsantsa a Pitori abethe iHighlands Park ashenxisa nePirates

Marlon Heugh of Highlands Park saves shot from Bradley Grobler of Supersport United during the Absa Premiership 2019/20 football match between Highlands Park and SuperSport United at Makhulong Stadium, Tembisa on 08 March 2020 ©Gavin Barker/BackpagePix

Njenjikalangala
yanamhlanje, Amatsatsantsa a Pitori abethe iintaka ezimbini ngelitye elinye
ngethuba ephumelela umdlalo we-Absa Premiership – esusa ne-Orlando Pirates
endaweni ebikuyo. Konke oku kwenzeke emva kokuba iSuperSport United iphumelele
ngamagowuli amabini eqandeni, ibetha iHighlands
Park
emdlalweni
obuseMakhulong Stadium. Amakhwenkwe kaKaitano Tembo anyukele kwindawo
yesithathu kwiPremiership noxa elingana ngamanqaku nePirates eyehlele kwindawo
yesine emva kokubambana neGolden Arrows ngeqanda emdlalweni obutshisa eSugar
Ray Xulu Stadium ngorhatya layizolo. Nangona umdlalo obungenamtsalane kangako eThembisa
– kodwa iindwendwe zithezele emnxebeni kusakhanya ngokubhalisa ebhodini
ngegowuli elifakwe ngu-Aubrey Modiba. Kuyiwe kwixesha lokuphumla Amatsatsantsa
enento esandleni emva kokuba uWayde Jooste engakwazanga ukusebenzisa ithuba
alifumeneyo.

Emzuzwinii wamashumi
amane anesibhozo, uBradley Grobler, ufake igowuli lesibini emdlalweni. Izamile yona
iHighlands Park ukuvala abona badlali abathanda
ukuba yingxaki emidlalo – kodwa kuthe kanti uTembo uze eneqhinga lokuqhawula
zonke izabatha zika-Owen Da Gama emdlalweni. Komnye umdlalo: iCape Town City ibethe iBloemfontein Celtic ngo’2-0
emdlalweni obuse-Athlone Stadium. Izolo: iKaizer Chiefs yothuswe ngaMaZulu
aphumelele ngegowuli elinye elifakwe nguBongi Ntuli atsho asuka emsileni. Yona
iGolden Arrows ibambene ngeqanda nePirates, iBidvest Wits ibambene ngeqanda
neChippa United ebiqeqeshwa okokuqala nguRhulani Mokwena oqeshwe ngoLwesithathu
wale veki. Kwidabi laseLimpopo, iBaroka ibethe iBlack Leopards ngo’2-0
emdlalweni obusePeter Mokaba Stadium. IMaritzburg United ibethe iPolokwane City esazama ukuphepha izembe ngo’2-0
emdlalweni obuseHarry Gwala Stadium ebusuku ngoLwesihlanu.

 

Highlands: Heugh, Fransman,  Mzava,  Mokoena, 
Motsepe, Banda, Mbatha, Jooste, Rae, Mvala, Shalulile.

Amalalela: Kapini, Nyatama,  Msane, Ramoraka, Munyai, Nyembe,
Makhaula.

SuperSport: Williams, Bhasera, Ditlhokwe, Daniels, Kekana, Furman,
Mokoena, Mbule, Modiba, Manziba, Grobler.

Amalalela: Pule, Nhlapo, Fleurs, Mahachi, Waiswa, Lungu, Gabuza.