
Njenjikalangala
yanamhlanje, Amatsatsantsa a Pitori abethe iintaka ezimbini ngelitye elinye
ngethuba ephumelela umdlalo we-Absa Premiership – esusa ne-Orlando Pirates
endaweni ebikuyo. Konke oku kwenzeke emva kokuba iSuperSport United iphumelele
ngamagowuli amabini eqandeni, ibetha
obuseMakhulong Stadium. Amakhwenkwe kaKaitano Tembo anyukele kwindawo
yesithathu kwiPremiership noxa elingana ngamanqaku nePirates eyehlele kwindawo
yesine emva kokubambana neGolden Arrows ngeqanda emdlalweni obutshisa eSugar
Ray Xulu Stadium ngorhatya layizolo. Nangona umdlalo obungenamtsalane kangako eThembisa
– kodwa iindwendwe zithezele emnxebeni kusakhanya ngokubhalisa ebhodini
ngegowuli elifakwe ngu-Aubrey Modiba. Kuyiwe kwixesha lokuphumla Amatsatsantsa
enento esandleni emva kokuba uWayde Jooste engakwazanga ukusebenzisa ithuba
alifumeneyo.
Emzuzwinii wamashumi
amane anesibhozo, uBradley Grobler, ufake igowuli lesibini emdlalweni. Izamile yona
ukuba yingxaki emidlalo – kodwa kuthe kanti uTembo uze eneqhinga lokuqhawula
zonke izabatha zika-Owen Da Gama emdlalweni. Komnye umdlalo:
emdlalweni obuse-Athlone Stadium. Izolo: iKaizer Chiefs yothuswe ngaMaZulu
aphumelele ngegowuli elinye elifakwe nguBongi Ntuli atsho asuka emsileni. Yona
iGolden Arrows ibambene ngeqanda nePirates, iBidvest Wits ibambene ngeqanda
neChippa United ebiqeqeshwa okokuqala nguRhulani Mokwena oqeshwe ngoLwesithathu
wale veki. Kwidabi laseLimpopo, iBaroka ibethe iBlack Leopards ngo’2-0
emdlalweni obusePeter Mokaba Stadium. IMaritzburg United ibethe
emdlalweni obuseHarry Gwala Stadium ebusuku ngoLwesihlanu.
Motsepe, Banda, Mbatha, Jooste, Rae, Mvala, Shalulile.
Amalalela: Kapini, Nyatama, Msane, Ramoraka, Munyai, Nyembe,
Makhaula.
SuperSport: Williams, Bhasera, Ditlhokwe, Daniels, Kekana, Furman,
Mokoena, Mbule, Modiba, Manziba, Grobler.
Amalalela: Pule, Nhlapo, Fleurs, Mahachi, Waiswa, Lungu, Gabuza.
Amasandawana athweliswe isithsaba, i-Ajax intywiliselwe yiChiefs