Amatsatsantsa a Pitori ahleli phezulu kwiPSL

UJeremy Brockie evuyela igowuli noReneilwe Letsholonyane. Umfanekiso: BackpagePix

Noxa amagowuli engalingani nalawo afakwe kwimidlalo yayizolo – kodwa neyanamhlanje imidlalo ivelise amagowuli aliqela. ISuperSport United ibuyele enkcochoyini yePSL emva kokubetha kanobom iGolden Arrows ngo’5-2 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League, eLucas Moripe Stadium, namhlanje ebusuku.

Amagowuli weSuperSport afakwe nguReneilwe Letsholonyane, uThuso Phala, uChuikepo Msowoya, uCole Alexander noMorgan Gould. Amabini weGolden Arrows afakwe nguKudakwashe Mahachi noLerato Lamola. Amatsatsantsa ayayibethelela indawo yawo phaya phezulu kwiPSL nanjengoko enomnqwenu wokuphumelela le ndebe yePSL kule sizini.

                                                                        

Nangona ihamba emva iMamelodi Sundowns ngokwemidlalo eyidlalileyo – kodwa inyukela phezulu kwiPSL ngokukhawuleza ngoba iyayiphumelela imidlalo yayo. Namhlanje ibethe iBloemfontein Celtic ngo’1-0, Dr Molemela Stadium. Igowuli lifakwe nguThemba Zwane kwisigaba sesibini somdlalo. Ngoku iDowns izakuqubisana ne-Orlando Pirates ukuzithemba kuphezulu kubadlali emva kwale mpumelelo.

Kanti ngaphaya e-Old Peter Mokaba Stadium akubangakho qela eliphumelelayo kumdlalo obuphakathi kwePolokwane City neMaritzburg United. Igowuli leRise and Shine lifakwe nguJabu Maluleka – kanti eleMaritzburg lifakwe nguMohau Mokate.

                                                                         

Yona iPlatinum Stars ibambene ngeqanda macala ne-Orlando Pirates kumdlalo obuseRoyal Bafokeng Stadium namhlanje. Umdlalo ubunawo amathuba – kodwa akukho nelinye elikwazileyo ukuwasebenzisa.