Amatsatsantsa a Pitori anyukele kwindawo yesine emva kokubetha iPirates

Thembinkosi Lorch of Orlando Pirates tackled by Dean Furman of Supersport United during the Absa Premiership 2018/19 match between Supersport United and Orlando Pirates at the Mbombela Stadium, Nelspruit on the 20 February 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Amatsatsantsa
a Pitori athe ngcu kwindawo yesine ngoku emva kokubetha i-Orlando Pirates
ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni we-Absa Premier Soccer League obutak’iintlantsi
eMbombela Stadium, eMpumalanga, ebusuku namhlanje. Igowuli elifakwe nguClayton
Daniels ngentloko kwisigaba sokuqala somdlalo lilo elithathe iSuperSport United
layibeka kwindawo yesine kwiPSL. Namhlanje iSuperSport United iphumelele
umdlalo wayo wesithathu ilandelelana. Ezi ziindaba ezimnandi kakhulu kuKaitano
Tembo obephantsi koxinizelelo ngenxa yokugqwidiza kweqela lakhe kwimidlalo
eliqela kule sizini. URonwen Williams ube liqhawe emva kokuhlangula iqela lakhe kwakhona emdlalweni obalulekileyo.

IPirates
ibethwe okokuqala kwimidlalo yePSL engamashumi amabini anesixhenxe. UWayne Sandilans,
ophinde waqala umdlalo namhlanje, nguye oncede iPirates ingabethwa ngamagowuli
amaninzi yiSuperSport ebikelemile kakhulu. UMilutin Sredojevic ukhethe ukuqala
umdlalo ngo-Abbubaker Mobara endaweni ka-Asavela Mbekile. Umdlali weSuperSport
onamandla namendu, uEvans Rusike, umxheshe kakhulu uMobara – phofu, amakhwenkwe
kaTembo – ebehlasela macala onke. Abadlali bePirates badlale ngendlela yabo
eqhelekileyo – kodwa eyona nto ebechanileyo kukuphosa kukaJustin Shonga
amathuba amahle obefumana iibhola kuThembinkosi Lorch nakuXola Mlambo. URonwen Williams
uvale ipenela ebikhatywe nguHappy Jele.

Amabhakaniya
ashiyeke ephoxekile kukungafakwa kwepenela nguJele ngoba ibilelona thuba
licacileyo kokubamba iSuperSport United. Kuthe kwakubonakala ukuba kuhamba
ixesha kungekho gowuli, uMicho ufake uLuvuyo Memela noMpho Makola. Nayo leyo
into khange isebenze ngoba iSuperSport iqinisekise ukuba iyalikhusela igowuli layo.
Iza kuhlala kwindawo yesithathu ebikuyo kakade iPirates. Okubi kwiPirates
kukungakwazi ukuqokelela amanqaku kwaye lo nto ingabangela ishiywe yiBidvest
Wits neMamelodi Sundowns ezilandelelanayo phezulu.

  

SuperSport United: Williams, Nhlapo, Kekana, Daniels, Bhasera, Furman, Webber,
Modiba, Rusike, Macuphu, Grobler 

Amalalela: Arubi, Mutale, Lebese, Khumalo, Ntshangase, Letsholonyane, Keene. 

Orlando Pirates: Sandilands, Jele, Ndengane, Mobara,
Maela, Motshwari, Mlambo, Nyatama, Pule, Lorch, Shonga,.

Amalalela: Mabokgwane, Munetsi, Mbekile, Memela, Makola, Mahachi, Gabuza.