
Emva kokubethwa
kwiCaf Confederation Cup, Amatsatsantsa a Pitori akhuphele umsebendo kwi-Ajax
Cape Town ayibethe ngo’1-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obuseMbombela
Stadium kobu busuku. Igowuli leSuperSport United lifakwe ngu-Aubrey Modiba ngentloko
kwisiqingatha sokuqala somdlalo. Umdlalo ubungenamtsalane kwisigaba sokuqala
noxa iSuperSport ibilelona qela ebelibonakala linamandla. Umdlalo uye
watshintsha kwakubakho igowuli.
Umqeqeshi weSuperSport,
u-Eric Tinkler, wenze utshintsho kwiqela elidlale neTP Mazembe kumdlalo
weConfederation Cup. UMorgan Gould no-Azubuike Egwueke baqale umdlalo umdlalo
emva kokuphoswa ngumdlalo obungempelaveki. Kuyiwe kwixesha lokuphumla ingenanto
esandleni i-Ajax ngoba abadlali bayo bebesiya phambili – kodwa bangakwazi
ukuyiqhekeza emva iSuperSport United. UPhala, uModiba noLakay ngabona badlali
bangabaphumlisanga abadlali be-Ajax kwisigaba sokuqala sokuqala – kodwa baye
bazama ukuhlangabezana neengxaki ebezisiza naMatsatsantsa.
Kwisigaba sesibini
uxinizelelo belukwi-Ajax ngoba ibiyiyo ekhangela indlela yokufumana igowuli
lokulinganisa. UTashreeq Morris uzamile ukukhabela ipali – kodwa ibhola yakhe
idebene noReyaad Pieterse eyilindile. Kuye kwanyanzele ukuba uStanley Menzo
akhuphe uReece Evans obenzakele, endaweni yakhe kungene uYagan Sasman. La
manqaku amathathu azuzwe yiSuperSport ayibeke kwindawo yeshumi, ngoku ishiywa
ngamanqaku ambalwa ngamaqela aphambili kwiPSL.
SuperSport United: Pieterse, Kekana, Gould, Egwuekwe,
Boateng, Furman, Letsholonyane, Modiba, Lakay, Phala, Grobler.
Nhlapho, Evans, Pieterse, Margeman, Mzwakali,
Mosadi, Morris, Phohlongo.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates