Amatsatsantsa abethwe ngoswazi lwawo emdlalweni weNedbank Cup

Emva kwexesha elide iTshakhuma Tsha Madzivhandila iziingqongqo adlala kwiDStv Premership, namhlanje iyiphelisile lo nto ngokukhululisa iSuperSport United ijezi eyibethe ngo’1-0 emdlalweni weNedbank Cup obuseThohoyandou Stadium. Amatsatsantsa a Pitori akakhaliswa kukuphuma kwangoko kwiNedbank Cup qha – kodwa eva kabuhlungu kakhulu ngoba abethwe ngoswazi lwayo.

Igowuli elinye tshu ephumelele ngalo iTshakhuma lifakwe nguThabo Mnyamana – omnye wabadlali abahleli ixesha elide nabaziqaqambise kakhulu kwiSuperSport United. Nangona uJoel Masutha namakhwenkwe wakhe befuna ukwenza umsebenzi ongcono emidlalweni yeDStv Premiership – kodwa impumelelo yanamhlanje iza kuba nika ithemba abadlali futhi ibancede nasemidlalweni elandelayo. Isiqingatha sokuqala sidlaliwe ngamaqela omabini futhi ebonakala ukuba ayakufuna ukufaka amagowuli – kodwa kuye kwixesha lokuphumla lingekho elikwazileyo ukubhalisa ebhodini.

Iziquququ zeSuperSport ezifana noSipho Mbule, uThamsanqa Gabuza noKudakwashe Mahachi zizamile ukwenza izinto adume ngazo emidlalweni. Amatsatsatsa abhakuzelisa umnatha nawo ngebhola kaGabuza – kodwa usompempe akalivumanga igowuli kuba esithi uMbule udlale ibhola elalele. UThabo Mnyamana ubhakuzelise umnatha emzuzwini wamashumi amathandathu ananye phambi kokukhutshwa kwakhe emdlalweni.

UMasutha uqinise umdlalo weqela lakhe ngokufaka uRhulani Manzini noTokelo Rantie otyikitywe kutshanje. Ifolosi yeSuperSport, uEvans Rusike, izamile ukudidiza – kodwa ngexesha elibi, iTshakhuma ebixhathise ngo-Alfred Ndengane emva, ingafuni kwanto egqithayo. Liqela lokuqala elikhulu elikhutshiweyo iSuperSport nembali yayo entle kakhulu kwiNedbank Cup. Komnye umdlalo wanamhlanje, iBizana Pondo Chiefs ivuthululwe yiCape Town All Stars ngo’3-1 emdlalweni obuseKing Zwelithini Stadium.

TTM: Arubi, Theron, Ravhuhali, Ndengane, Nkili, Timm, Maphangule, Mnyamane, Manzini, Manaka, Molangoane.

Amalalela: Mamudzidi, Mabotja, Nonyane, Thangwane, Madhanaga, Ngema, Rakhale, Rantie, Lamola.

SuperSport: Williams, Philipps, Fleurs, Kekana, Ditlhokwe, Waiswa, Mbule, Mohomi, Mahachi, Grobler, Gabuza.

Amalalela: Chigova, Khumalo, Nhlapo, Webber, Moralo, Rusike, Lungu.