Amatsatsantsana
anethuba lokubuyiseela ubunganga bawo kwakhona njengelinye lamaqela athatha
iindebe kakhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika. Oku kulandela emva kokuba ecambalalise
iMamelodi Sundowns ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) emdlalweni obutshisa bhe eLucas
Moripe Stadium. Ngoku iSuperSport United iza kudibana
ngo’4-3 kumapenela emdlalweni ophele iliqanda macala eMakhulong Stadium
kubusuku bayizolo. Umdlalo weMTN 8 wokugqibela uza kudlalelwa e-Orlando Stadium
ngentsimbi yesithandathu ngomhla wesihlanu kwinyanga ezayo.
Amakhwenkwe
kaKaitano Tembo awuqale kakuhle umdlalo exhokonxa phambili ngoThamsanqa Gabuza
noBradley Grobler. Ayihlasele iSundowns engadlalanga kangako kwangoko kwisigaba
sokuqala – mhlawumbi, ngenxa yeenguqu ezenziwe nguPitso Mosimane okhale
ngokonzakala kwabadlali bakhe phambi komdlalo. Ihambe phambili iSuperSport ngebhola
efakwe nguTeboho Mokoena onikelwe kakuhle nguGabuza. Nangona idlale umdlalo
ongcono iSundowns kwisigaba sesibini – kodwa igowuli elifakwe nguJamie Webber
kuwabulele nya amathuba wayo okuphumelela indebe yeMTN 8 eneminyaka iyizingela
phantsi kukaPitso.
Sundowns: Onyango, Ngcongca, Arendse,
Lebusa, Langerman, Coetzee, Kekana, Zwane, Sirino, Morena, Meza.
Amalalela: Pieterse,
Mabunda, Lakay, Mkhulise, Vilakazi, Madisha, Maboe.
SuperSport: Williams, Nhlapo,
Khumalo, Daniels, Bhasera, Furman, Mokoena, Mbule, Modiba, Gabuza, Grobler
Amalalela: Pule, Fleurs, Webber,
Mnyamane, Qalinge, Mahachi, Lungu.
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!