Amatsatsantsa akhe phantsi isitya sigcwele kwakhona kwiMamelodi Sundowns

Themba Zwane of Mamelodi Sundowns challenged by Onismor Bhasera of Supersport United during the 2020 Nedbank Cup match between Mamelodi Sundowns and Supersport United at Loftus Versfeld Stadium, Pretoria on 08 February 2020 Samuel Shivambu/BackpagePix

Kucacile,
iSuperSport United ziingqongqo zeMamelodi Sundowns kule isizini. La maqela
wasePitoli adibene emidlalweni emithathu kule sizini yodwa – yonke loo midlalo
iphunyelelwe yiSundowns. Iqela likaPitso Mosimane lenze umtsi kwiNedbank Cup
emva kokuba libethe Amatsatsantsa ngo’1-0 emdlalweni odlalwe ebumanzini eLoftus
Stadium ebusuku namhlanje. Ukuba izinto zingahlanga ngohlobo ezilulo ngoku
ebholeni yaseMzantsi Afrika, ukubethwa kweSuperSport emdlalweni wanamhlanje
kungathetha ukuthi [ngoku] iza kudlalela ukungena kwiTop 8 ngoba iphulukene
nawo onke amathuba okongeza enye indebe kwiMTN 8 eyiphumelele kunyaka
ophelileyo. Igowuli elifakwe nguSibusiso Vilakazi, emva kokudibana nebhola ebigotywe
nguThapelo Morena kwisiqingatha sokuqala somdlalo, lilo elinike iSundowns
impumelelo. Into eye yambi kukukhutshwa kukaMorena oye wonzakala kakubi
kwisigaba sesibini somdlalo.

Umdlalo uye
wabambana zisuka kwisigaba sokuqala esiphele iDowns ifake igowuli. Amasandawana
ebexhathise ngoHlompho Kekana no-Andile Jali esiswini – logama yona iSuperSport
ibityhala ngoDean Furman, iSipho Mbule Teboho Mokoena. Ngabadlali bakaKaitano
Tembo abankqonkqoze kuqala ezimpondweni zeDowns etsazise igazi kuqala
emdlalweni. UGaston Sirino noThemba Zwane bebeziinjini esiswini. Njengesiqhelo;
indlela abadlale ngayo ibiba yingxaki kwiSuperSport – kodwa izamile ukuqubisana
nezo ngxaki. Emva kokuba uVilakazi efake igowuli, Amatsatsantsa azamile ukudala
amathuba angakwazanga ukuwasebenzisa. Bekufanele iSundowns iphumelele
ngamagowuli amabini ukuba uZwane ebekwazile ukulisebenzisa ithuba elihle
ejongene noRonwen Williams kuphela phambi kwakhe. Amanye amaqela aphumeleleyo
aquka iHighlands Park ebethe Uthongathi, iKaizer Chiefs
ebethe iRoyal Eagles, Amavarara abethe iSuper Eagles neBloem Celtic evuthulule
AmaZulu.

 

Sundowns: Onyango, Ngcongca, Lebusa, Nascimento, Kekana,
Madisha, Jali, Zwane, Morena, Sirino, Vilakazi.

Amalalela: Mweene, Mkhulise, Mabunda, Lakay, Maboe,
Meza, Arendse.

SuperSport: Williams, Bhasera, Daniels,
Kekana, Nhlapo, Mokoena, Furman, Mbule, Mahachi, Gabuza, Grobler 

Amalalela: Pule, Ditlhokwe, Fleurs, Donn, Waiswa,
Modiba, Lungu.