Amatsatsantsa anabadlali abatsha

UBongani Khumalo ubuyele ekhaya ngokusesikweni emva kokuba ephinde wazibophelela kwakhona kwiSuperSport United ngokuthi atykitye isivumelwano esitsha sengqesho sonyaka.

Lo mdlali obefudula esezincwadini zeqela laseNgilane, iTottenham Hotspur, ubuyele ekhaya emva kokukhululwa ukuba azikhangelele iqela elitsha ekupheleni kwesizini edlulileyo.

Lo mdlali uzakuvuselela ikhono lakhe kwi-Absa Premier Soccer League evulwa ngokusesikweni kule veki, emva kokuhambe evova kumaqela ohlukeneyo phesheya kolwandle apho bekubolekiswe ngaye yiHotspur engazange yamnika ithuba elicacileyo lokuzibonakalisa kweli qela lidlala kwi-English Premier Soccer League.

Kwiveki ephelileyo bekuvakele ukuba angahlala kweli loMzantsi Afrika kodwa kwanga xesha nye kwabe kukho iingxelo ezithi usafuna ukuzama kumazwe aphesheya. Kucacile ukuba iinzame zakhe khange ziphumelele okanye iSuperSport United ikwazile ukumtshintsha ingqondo nanjengoko uGordon Igesund wayibeka yacaca kwasekuqaleni kwinyanga ephelileyo ukuba uyamfuna lo mdlali.

Umqeqeshi weli qela lasePitoli kunye noKhumalo basebenzisene kakhulu kwiqela lesizwe ngethuba * -Igesund wayesengumqeqeshi – kodwa nalapho uKhumalo waphazanyiswa ngumonzakalo.

Lo mdlali akamtshanga kweli qela kuba wathathwa yiHotspurs apha kulo kanye emva kweFifa World Cup ngo-2010 – kwaye kulindeleke ukuba abengomnye wabadlali azakuthi axhathise ngabo umqeqeshi kule sizini intsha.

UKhumalo uchithe isizini ephelileyo kwiColchester United. Eli qela liphinde latyikitya uFagrie Lakay, osuka kwiSantos edlala kwiNational First Division.

Lo kaLakay(18) ngomnye wabadlali abancede iqela lesizwe labadlali abangaphantsi kwamashumi amabini – kanti okwangoyena mdlali uselula ngeminyaka odlalele iBafana Bafana ngethuba bedlala ne-Ivory Coast ekuzeni kuphela konyaka.