Amatsatsantsa aqinisekile ngempumelelo ekhaya

Amatsatsantsa a Pitori abuye entywizisa eLubumbashi emva kokubethwa ngo’2-1 yiTP Mazembe kumdlalo wokuqala wamagqibela kankqoyi weCaf Confederation Cup – kodwa azimisele ukujika amatye abe zizonka kule veki xa edlala umdlalo wesibini la maqela eLucas Moripe Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.

Izangxa zaseDR Congo azibaphoxanga abalandeli bazo abebegcwalise ibala – kodwa zisenomsebenzi omninzi kumdlalo olandelayo nangona zikwazile ukuphumelela ekhayeni lazo.

Ukapteni weSuperSport, uDean Furman, nomqeqeshi * -Eric Tinkler, baqinisekile ngempumelelo yeqela labo xa lidlalela ekhaya emva kokuba lifumene igowuli ekuhambeni.

Umdlalo wokuqala khange ubelula kwiSuperSport nangona izamile kakhulu.

Abadlali beMazembe bebezimisele ukuyisonga impumelelo yale ndebe kwakumdlalo wokuqala – kodwa igowuli elifakwe yiSuperSport lithetha ukuthi umdlalo usavulelekile kuwo omabini la maqela.

Iqela loMzantsi Afrika lizakuncedwa kukubuya kwabadlali balo abanamava abafana noReneilwe Letsholonyane noMorgan Gould abangadlalanga eCongo ngenxa yamakhadi.

Nakube kunjalo, lo ngumdlalo omtsha ozakunyanzelisa iqela likaTinkler ukuba lizimisele kakhulu ukuze libethe iintshatsheli zeConfederation Cup ezikhuselayo.

UFurman ukhale ngamathuba abangawanikwanga ukuwasebenzisa kumdlalo wokuqala, watsho esithi bazimisele ukwenza ngcono kumdlalo olandelayo.

“Bekumnandi ukudlala ebaleni eligcweleyo. Sikonwabele ukudlalela kulo, sinethemba lokuba kwakuba nje nasekhaya. Ukubethwa ngo’2-1 asinto embi kangako, asibethwa lula ekhaya. Sifumene igowuli ekuhambeni – xa sidlalela ekhaya izinto ziza kujika,” utshilo uFurman.

Kumdlalo ogqithileyo, uSipho Mbule, oneminyaka elishumi nethoba, uzenzele udumo ngokuthi afake igowuli elihle ekude. Ngelishwa iSuperSport yenze iimpazamo ezinike iMazembe amandla wokufumana igowuli lesibini emdlalweni.

“Besizimisele ukuphumelela apha. Ndingatsho ukuba ePitoli bazakuza kuthi bengxamile – kodwa sakube sibalungiselele.

pedro.mapelo@inl.co.za