Amatsatsantsa avule kakuhle, iSwallows yabambana neGolden Arrows!

iLamontville Golden Arrows ibidene neMoroka Swallows emdlaweni weDStv Premiershi obunamhlanje. Umfanekiso: Facebook

Amatsatsantsa athe ngcu kwindawo yokuqala kwiDStv Premiership emva kokuba ephumelele umdlalo wawo wokuqala. Oku kuza emva kokuba iSuperSport United ibethe iRichards Bay ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni obusePeter Mokaba Stadium emalanga namhlanje. Khange kubekho qela elibhalisayo ebhodini kwisigaba sokuqala somdlalo. Ibibonakala yona iSuperSport United ukuba iyafuna ukufaka igowuli. UShandre Campbell, oqalayo ukudlala kwinqanaba eliphezulu, ebeyinkathazo. Bekufanele ukuba iSuperSport United iye kwixesha lokuphumla ihamba phambili ngamagowuli amabini okungenani – kodwa akubanga njalo ngoba nayo iRichards Bay ibizama ukuzilwela noxa bekunzima.

Kwisigaba sesibini izinto ziye zajika. Amatsatsantsa afumene amagowuli amabini afakwe nguTerrence Dzvukamanja osuka kwi’Orlando Pirates noGodspower Ighodaro obedlalela iChippa United kwisizini egqithileyo yena engumdlali weSundowns. Nakubeni iqela likaGavin Hunt liwafumene onke amanqaku – kodwa okuye kwakubi ibe kukonzakala kukaBradly Grobler kwisigaba sokuqala somdlalo. Kanti yena uKaitano Tembo kufuneka bayokwenza izilungiso nabadlalii bakhe emva kokubuya beqhwalela ePolokwane. Kwelinye icala, iGolden Arrows yamkele iMoroka Swallows emdlalweni wokuvula isizini.

Umdlalo uphele ebambene ngegowuli elinye macala. Abafana Bes’thende baqhufuze iqanda kuqala emdlalweni ngegowuli elifakwe nguSiyanda Mthanti kwisigaba sokuqala somdlalo obubanjelwe eMpumalanga. Ngelishwa labo, Izinyoni zaseDube ziye zaphindisa ngegowuli elifakwe nguTshegofatso Mabasa osuka kwiPirates – kodwa ochithe isizini kwiSekhukhune United. Noxa engafumananga amanqaku amathathu – kodwa uSteve Komphela kufanele alamkele inqaku elinye ngoba usakha iqela. Ukufika kwabadlali abafana noJali, uZuma, uGabadinho noMabasa kungayivusa iMoroka Swallows ezama ukufumana indawo yayo ebholeni yaseMzantsi Afrika.