Amaqela abegxeleshe ukufumana lula uLuke Fleurs aseshweni emva kokuba iSuperSport United ibeke umqobo omkhulu endleleni yakhe. Ngokweengxelo zamajelo eendaba, uFleurs (22) ebefunwa yiKaizer Chiefs ezama abadlali basemva njengokuba ikamva labadlali abafana no-Eric Mathoho lingecaci kakuhle. Kwiveki ephelileyo, ingqonyela yeSuperSport, uStan Matthews, uvumile ukuba iChiefs iwubonisile umdla emdlalini wakhe odlala emva. Elinye iqela elibalwa phakathi kwalawo anomdla kuFleurs aquka i-Orlando Pirates eziintshatsheli zeMTN8 Cup zalo nyaka. Ezivakele kule veki zithi iSuperSport United imbophelele ngeminye iminyaka uFluers obekulindeleke abene lungelo lokuthetha namaqela anomdla kuye ekuqaleni konyaka ozayo.
“ULuke udinga ukukhula emdlalweni wakhe phambi kokuba abengumdlali ogqibeleleyo,” utshilo uMatthews ethetha neentatheli kule veki. Ngaphandle kwamathandaabuzo, Amatsatsantsa analo ilungelo lokumgcina uLuke xa emfuna – kodwa inyathelo lawo lakutsha nje licacisa into ethi akafuni ukuthengisela iChiefs. “ULuke unesivumelwano sengqesho seminyaka emithathu neSuperSport. Akunyanzelekanga ukuba simthengise. Singamthengisa ukuba kukho iqela elibeka imali emfaneleyo etafileni. Ndicinga ukuba wonke umntu uyazi ukuba siyakwazi ukubathengisa abadlali,” utshilo uMatthews.
Kwisizini egqithileyo, uMatthews wakhetha ukunika iMamelodi Sundowns abadlali abafana noTebogo Mokoena noSipho Mbule ababefunwa yiChiefs. Amasandawana adume ngokubhatala nokuthenga abadlali ngaphezulu kunamanye amaqela. Mhlawumbi ingasesona sizathu esibangela umphathi weSuperSport United akhethe ukuthengisela yona kuneChiefs. ULuke ngumdlali osemgangathweni ophezulu kakhulu. Kwisizini egqithileyo, iPSL imnike iwonga lomdlali wasemva obeqaqambile isizini yonke. Kanti uLuke ukwa ngumdlali weqela lesizwe (SA Under-23). Iqela likaZwane likhangela abadlali abanokulinceda liyeke ukuvuza amagowuli emva abangela kube nzima kakhulu ukuphumelela imidlalo ngeqondo elanelisayo.
IPirates idibana neentanga zayo namhlanje kwiMTN8, utsho uSage Stephens!