Amatsatsantsa ayibethele ekhaya iStellenbosch emdlalweni wanamhlanje

UKegan Johannes weSupersport United noQobolwakhe Sibande weStellenbosch FC emdlalweni weDStv Premiership obuseDanie Craven Stadium namhlanje ebusuku. Umfanekiso: ©Ryan Wilkisky/BackpagePix

Afumene amanqaku apheleleyo Amatsatsantsa emva kokuba ebethe iStellenbosch FC ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obushushu eDanie Craven Stadium ebusuku namhlanje. Kuye kwanyanzeleka ukuba iSuperSport United ivale amazibuko zisuka emdlalweni kwisigaba sokuqala ngoba abadlali beStellenbosch bebehlasela maacala onke besebenzisa isantya. Amatsatsantsa akunyamezele ukuphehluzeliswa – kodwa abe ejonge ukuvela kwekroba anokulisebenzisa akwazi ukufaka igowuli. Siqhufuze iqanda kuqala iStellenbosch ngebhola efakwe nguJayden Adams emzuzwini wamashumi amathathu anesixhenxe. Igowuli linike iStellenbosch amandla nethemba lokuphumelela umdlalo esiwudlale kakuhle kakhulu kwimizuzu yokuqala yomdlalo eDanie Craven Stadium.

Nakubeni iSuperSport United ilwile futhi imsebenzisile u-Oscarine Masuluke ezipalini zakhe – kodwa ayikwazanga ukugqobhoza. Kuyiwe kwixesha lokuphumla izinto zicalanye kwiqela likaSteve Barker. Yonke into abeyifuna yenzekile kwisigaba sokuqala nakubeni uRicardo Goss ebengumqobo omkhulu ezipalini. Abuyele ebaleni kwisigaba sesibini kwakhona amaqela ngamandla afanayo. Omabini amaqela angene alwela ukubhakuzelisa umnatha. Ngoba igowuli elinye iyinto ongenakuthembela kulo, bekunyanzelekile iStellies sikhangele elesibini. Kwelinye icala iSuperSport ibisilwela ukufumana igowuli lokulinganisa nelophumelela. Amatsatsantsa afumene igowuli lokulinganisa ngepenela eyenziwe nguMasuluke ezama ukuchitha ibhola embi ebikuGhampanii Lungu.

Kwisigaba sesibini somdlalo, yiSuperSport United ebinamandla emdlalweni. Noxa ibihlasela iStellenbosch – kodwa abadlali basemva abebekhokelwe nguThulani Hlatshwayo, benze umsebenzi omkhulu kakhulu. Kuthe xa kubonakala ukuba umdlalo ungaphela amaqela entanganye, uGrant Margeman ubhakuzelise umnatha emva kokudibana nebhola ebichithwe nguMasuluke ezipalini. Aphumelele ngolo hlobo Amatsatsantsa kude nekhaya. UGavin Hunt uwamkele ngovuyo amanqaku amathathu kodwa wakhala ngebala elingawadlalisanga kakuhle amaqela ngenxa yobubi. Kwelakhe icala uSteve Barker ukhale ngamathuba angasetyenziswanga kakuhle ngabadlali bakhe emdlalweni athe bekumeluba iqela linento eliyizuzileyo. Ihleli kwindawo yesibini iSuperSport United enamanqaku alishumi ngoku.