Inyukele kwindawo yesithathu iSuperSport United emva kokuba itywatyushe iSekhukhune United ngomwasalala wamagowuli amathathu kwelinye (3-1) emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eLucas Moripe Stadium ebusuku namhlanje. Emidlalweni elishumi Amatsatsantsa ayidlalileyo, aphumelele emihlanu ukuza kuthi ga ngoku. Phambi komdlalo, uKaitano Tembo ebenethemba leziphumo ezincumisayo ngoba abadlali bakhe baye emdlalweni wanamhlanje besakhuthazekile emva kokubetha iPirates ngamagowuli amabini eqandeni ekuqaleni kweveki – kodwa iSuperSport ibafake isabhokhwe.
Njengeqela ebelidlalela ekhaya, Amatsatsantsa abhakuzelise umnatha kwangoku kwisigaba sokuqala ngebhola efakwe yifolosi, uBradley Grobler, onikelwe kakuhle nguJamie Webber. Igowuli libeke uxinizelelo kubadlali beSekhukhune United. UVictor Letsoalo uzamile ukukhaba ibhola ngelizama igowuli lokulinganisa – kodwa uRicardo Goss uye waqinisekisa ukuba iSekhukhune ayibhaqi nto ngokuyivala ibhola. Abuyile futhi amakhwenkwe kaGavin Hunt afaka elinye igowuli ngonyawo likaWebber – kodwa usompempe uye wala ekhala ngoThamsanqa Gabuza olaleleyo. Ufake igowuli lesibini uThatayaone Ditlhokwe, kwayiwa kwixesha lokuphumla iSuperSport inkqenkqeza phambili ngamagowuli amabini eqandeni.
Kwangoko kwisigaba sesibini somdlalo, uGabuza ufake igowuli lesithathu lomdlalo. Emva komzuzu, uThamsanqa Masiya ufake igowuli leSekhukhune lokubika ekhaya emzuzwini wamashumi amathandathu anesine. Ayikwazanga ukuwasebenzisa amanye amathuba ewafumeneyo iSuperSport kwisigaba sesibini. Mibini qha imidlalo ephunyelelwe yiSekhukhune kule sizini eqhubekayo kwaye ukubethwa kwayo namhlanje kubeka uxinizelelo kuKaitano Tembo ongumqeqesho oyintloko. Kwakufuneka azame ukulungisa izinto xa iqela lakhe lidibana neChippa United kwiveki ezayo oza kube ukwiphondo laKwaZulu-Natal, eSugar Ray Xulu Stadium.
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!