AmaTuks athathe inzalelwane yaseGcuwa

Inzalelwane yaseGcuwa, uNkululeko Nkush Malgas, obe ngumhlalutyi wevidiyo kwiTS Galaxy, uzimanye neqela elitsha.

Inzalelwane yaseGcuwa, uNkululeko “Nkush” Malgas, obe ngumhlalutyi wevidiyo kwiTS Galaxy, uzimanye neqela elitsha.

UNkush uyishiyile iGalaxy emva kokuba ingakwazanga ukuvumelana naye kwiingxoxo zesivumelwano sengqesho esitsha.

Le ndodana yaseGcuwa izibalule ngokuncedisa abaqeqeshi kumaqela afana neWitbank Spurs nakwiGalaxy – ngoku ikwiUniversity of Pretoria.

Igalelo lakhe liye labonakala kwiGalaxy ifince isizini egqithileyo ikwindawo yesibhozo kwiNFD League, yaphinda yenza imbali kwibhola yaseMzantsi Afrika ngokuba liqela lokuqala elidlala kumgangatho ongezantsi kwiPremier Soccer League ngokuthi iphumelele indebe yakwaNedbank.

Kodwa sekunjalo, iqela likaTim Sukazi alikwazanga ukumgcina uNkush oye kwiqela lasePitoli.

“Kubakho izithembiso ebholeni, xa zingenzeki kakuhle uye uthathe iinkabi zakho ashiyeke nedyokhwe yakhe,” kutsho uMalgas.

Uthe kubekho ukungavumelani malunga nezinto ezithile ngethuba exoxa neGalaxy ngokuvuselelwa kwesivumelwano sakhe sengqesho.

AmaTuks anethuba elide emzingela ngokutsho kwakhe uNkush.

Aye afumana ithuba lokuba amthathe.

AmaTuks ibingengawo wodwa abefuna uNkush, ebekhona namanye amaqela ebenkqonkqoza emfuna kodwa ewaxelela ukuba mawalinde kuphele isizini ukuze abone ikamva lakhe kwiGalaxy.

Ecacisa isigqibo sakhe sokukhetha AmaTuks kunamanye amaqela abemfuna.

“Amatuks anomqeqeshi endimaziyo kakhulu.

UZipho Dlangalala ndimazela kwiVarsity Football kwaye naye bekukudala endifuna kodwa ndimxelela ukuba makalinde,” utshilo uNkush.

Nangona le nzalelwane yaseGcuwa ishiye iGalaxy iphumelele indebe yakwaNedbank kodwa ayixolanga ligalelo layo ngoba ebefuna iGalaxy ivale isizini ihleli phakathi kwamaqela amathathu kwiNFD League aphezulu.

Kule sizini uNkush uthi uzimisele ukuncedisa AmaTuks xa esilwela ukunyukela kwiPSL.

Kwimidlalo emibini yokuvula isizini, AmaTuks sele ephumelele wamnye adlala ntanganye komnye.