Amavarara athi akayoyiki tu iBlack Leopards!

UNkosomzi Mbenyana onguKapteni waMavarara.

Iqela laseMpuma Koloni elidlala kwiABC Motsepe League, Amavarara, lithi alinalo nelincinci ixhala njengokuba lilungiselela ukudlala umdlalo weNedbank Cup kule mpelaveki.

Amavarara aza kuswantsulisana neBlack Leopards emdlalweni ekulindeleke ube nzima eThohoyandou Stadium ngentsimbi yesibhozo ebusuku ngoLwesihlanu.

Iqela laseKomani lidlulele kumjikelo wesibini weNedbank Cup emva kokubetha iSuper Eagles ngo’2-1 emdlalweni obubanjelwe eSisa Dukashe Stadium kwiveki engaphaya kwephelileyo.

Omnye wabalawuli beqela, uLwandiso Matoti, uxelele I’solezwe lesiXhosa okokuba umoya wabadlali uphezulu kwaye bonke banxanelwe ukudlala ngoLwesihlanu.

“Amalungiselelo wethu ahamba kakuhle. Besizimisele ukuya eLimpopo kwangoko kodwa ke kuye kwanyanzeleka ukuba sithi xha ngoba iPSL ithe iza kuwenza ngokwayo amalungiselelo wendawo yokuhlala nawokuhamba. Akukho nto imbi enkampini yethu; bonke abadlali bethu baphilile,” utshilo uMatoti ngokukhulu ukuzithemba.

Nangani iLeopards isiya emdlalweni iqhwalela emva kokubethwa yiOrlando Pirates emdlalweni weAbsa Premiership ebekufanele izuze nokuba linye inqaku, kodwa kufanele ingasokoli kangako xa idibana naMavarara phambi kwabalandeli bayo eThohoyandou Stadium.

Emdlalweni wokuqala, iBlack Leopards ivuthulule iNorth West University ngemvula yamagowuli amane eqandeni (4-0).

Kwakufuneka Amavarara azimisele kakhulu ukuba afuna ukoyisa iLeopards kodwa nantoni ingenzeka kwiNedbank Cup enezimanga zayo. Ingabetheka iLeopards kuba abadlali bayo abazinzanga ncam ngoba isendaweni embi kwiPSL.

“Asoyiki thina ngoba akukho nto eza kusilahlekela. Sifuna ukuwuphumelela umdlalo wona. Okusivuyisayo ke ngoku kukuba umdlalo uza kudlalwa ebusuku. Asiyoyiki iBlack Leopards; ndiyavuma liqela elikhulu futhi elidlala kakuhle kodwa asiyoyiki tu,” utshilo uMatoti.

Kwezi veki zidlulileyo, Amavarara aphumelele umdlalo wamnye abethwa kodwa kwiveki ephelileyo.