Amavarara FC ziintshatsheli ezivunyiweyo zetumente ebiseMqanduli

Amavarara FC evuyela indebe emva kokuphumelela kwiMell’z Tournament kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Uthunyelwe

Iveki ephelileyo ibinkulu kakhulu kokubini kumakholwa enkolo yobuKrestu kodwa nakwezemidlalo kwiilalali zaseMqanduli kunjalo. Phantsi kokuxakeka obe kuthe tshitshilili ndawo zonke, ulutsha lwaseMqanduli belubuthelene eLower Ngqungqu – apho bekudlalwa ibhola ekhatywayo neyomnyazi phantsi kwetumente entsha ekuthiwa yiMell’z Tournament ebiququzelelwe nguMeleza Jubase. Nangona ibikokokuqala uMeleza eququzelela itumente yemidlalo enkulu kwindawo yaseMqanduli – kodwa phantse zonke izinto zihambe kakuhle futhi ngendlela ebecwangcise ngayo ngaphandle kwamaqela omdlalo weVolley Ball. Kuba ingengomdlalo ogqamileyo kwiindawo zasezilalini, akakwazanga ukufika amaqela abebonakalise umdla phambi komhla wetumente.

Amaqela ebhola ekhatywayo nawomnyazi angaphaya kweshumi elinesihlanu axishene kwanzima emidlalweni ebibanjelwe kumabala aseNgqungqu ukusukela ngoLwesihlanu umhla wePasika ukuya ngeCawe ephelileyo. Amavarara FC agoduke exwaye indebe kwibhola ekhatywayo emva kokubetha iGlamour Boys FC ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni wokugqibela. Kanti kwibhola yomnyazi, iHungry Lion Netball Club iphakamise indebe emva kokubetha iGogozayo Netball Club ngeshumi elinesixhenxe lamanqaku kwalishumi emdlalweni wamagqibelakankqoyi. Ngaphezulu kweendebe azifumeneyo, amaqela aphumeleleyo athiwe jize ngamanye amabhaso ancumisayo kakhulu. Amavarara afumene ishumi lonke lamawaka erandi (R10 0000) nekiti ehamba neebhola ngaphezulu.

Yosulwe iinyembezi iGlamour Boys ngekiti ekhatshwe ngamawaka amahlanu erandi (R5 000). Abomnyazi bafumene indebe nekiti. Khange kubekho mali kubo ngoba amaqela ebembalwa akwazileyo ukufika ngomhla wetumente. Ethetha neli phephandaba ekuqaleni kwale veki, uMeleza uvakalise ukoneliseka kakhulu watsho ethembisa ngelithi itumente yonyaka ozayo iza kuphucuka kakhulu kunale yalo nyaka. “Itumente ihambe kakuhle kakhulu. Ndiyabulela kakhulu kubantu baseMqanduli abebezimase itumente. Khange kubekho ngxaki kwade kwase kugqibeleni. Siyaphinda ke kunyaka ozayo futhi. Into esingayenzanga kakuhle kulo nyaka, siza kuyilungisa kunyaka ozayo. Enkosi kuye wonke umntu oyixhasileyo itumente yethu,” utshilo uMeleza emva kwetumente.