Amaxhwangusha aseNigeria achebeleze phezu kwe-Iceland

Ahmed Musa (L) of Nigeria scores the 2-0 lead during the FIFA World Cup 2018 group D preliminary round soccer match between Nigeria and Iceland in Volgograd, Russia, 22 June 2018. By: SERGEI ILNITSKY / EPA

INigeria
lilizwe lesibini eliphumelele umdlalo kwindebe yebhola ekhatywayo kulawo
mahlanu amele izwekazi le-Afrika. Namhlanje iNigeria ibethe ilizwe elinenkani,
i-Iceland,
ngo’2-0 kumdlalo wesibini kwindebe yehlabathi eVolgograd Arena Stadium ngolu
rhatya. AmaNigeria achebele phezu kwalo ilizwe lase-Iceland ngamagowuli amabini
abafakwe sisiququ uAhmed Musa. Impumelelo yeSuper Eagles iyibeke kwindawo
yesibini kuGroup D okhokelwa yiCroatia ebethe iArgentina ngo’3-0 izolo ebusuku.

   Image may contain: 2 people, people playing sports and outdoor  

Bekulindele
ukuba ilizwe lase-Iceland liyisokolise iNigeria emva kokudlala ntanganye ngo’1-1
neArgentina kwiveki ephelileyo – kodwa umdlalo walo ubunomahluko namhlanje.
Abadlali beNigeria bekhokelwa nguJohn Obi Mikel esiswini khange basokole
kangako ngoba i-Iceland ibanike ithuba lokudlala umdlalo wabo wesiqhelo. UFancis
Uzoho kuye kwanyanzeleka ukuba asebenze ezipalini kwakwimizuzu yokuqala emva
kweenzame zikaGylfi Siguurdsson. UVictor Moses noMusa bebeyovuya
emaphikweni, maxa wambi bengena ngaphakathi bekhangela indlela yokufaka
amagowuli kwi-Iceland. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iNigeria ihamba phambili
ngegowuli elifakwe nguMusa ofumene ibhola ekunene kuMoses.

Umdlalo weSuper
Eagles uye waphucuka kwisigaba sesibini emva kokufumana amandla kwigowuli
elifakwe nguMusa kwisigaba sokuqala somdlalo. UJohn Obi wenze umahluko omkhulu esazulwini sebala namhlanje ngoba
ibinguye otyala iibhola eziya kubadlali baphambili nasemaphikweni. Akukaneli ke kambe ngoba
iNigeria kufuneka ibethe iArgentina okanye idlale ntanganye okungenani kumdlalo
olandelayo kaGroup D kwiveki ezayo.

  Image may contain: 2 people, people playing sports and outdoor

Iceland: Hannes Hallsorsson, Hordor Magnusson, Ragnar
Sigurdsson,  Kari Arnason, Birkir Saevarsson,
Birkir Bjarnason, Gylfi Sigurdsson, Aron Gunnarsson, Rurik Gislason, Alfred
Finnbogason, Jon Bodvarsson.

Nigeria: Francis Uzoho, Leon Balogun, William Ekong, Kenneth
Omeruo, Bryan Idowu, Wilfred Ndidi, John Obi Mikel, Oghenekazo Etebo, Victor
Moses, Kelechi Iheanacho, Ahmed musa.