AmaZulu abaxoze izithende bahamba kancinci Abafana Bes’thende!

UGladden Shitolo weGolden Arrows noJunior Dion waMaZulu emdlalweni weCarling Knockout obuseMoses Mabhida Stadium namhlanje ebusuku. Umfanekiso: ©Sydney Mahlangu/BackpagePix

AmaZulu adlulele kwisigaba esilandelayo seCarling Knockout emva kokuphumelela idabi lobukhaya kwiphondo laKwaZulu-Natal. Babethwe bangcambaza Abafana Bes’thende emdlalweni weCarling Knockout obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium ngorhatya namhlanje.

Amagowuli amathathu AmaZulu angcwabe ngawo iGolden Arrows afakwe nguJunior Dion eyedwa. Umdlalo utake iintlantsi zisuka futhi kuye kwacaca ukuba amaqela adlalela into enye: ukuphumelela umdlalo. Abalandeli beGolden Arrows baza kulala bekhathazekile ngenxa yekubethwa kweqela labo.

Okwenza kube njalo kukuba iye emdlalweni wanamhle inamandla ngenxa yokuqhuba kakuhle kwayo emidlalweni yeDStv Premiership. Kodwa namhlanje abafana bakaMabhuti Khenyeza bebebuthuntu – into engasaqhelekanga kubo.

Ukuphumelela kwawo AmaZulu ziindaba ezimnandi kuwo ngoba kuwanika ithuba lokuphumelela indebe emva kokukhutshwa kwamaqela amakhulu aquka iKaizer Chiefs, Orlando Pirates neMamelodi Sundowns. UDion ubhakuzelise umnatha emzuzwini wesixhenxe umdlalo uqalile.

Igowuli ibingumvuzo wesiqalo esihle saMaZulu. Uphinde wafaka elinye igowuli uDion phambi kokutshintshwa kwamacala. Ngelo xesha AmaZulu ebesele ewuthathele kuwo umdlalo futhi ebonakala ukuba akazimiselanga ukubethwa kwiCarling Knockout. Abafana Bes’thende balwile futhi bakwazile ukudala amathuba ambalwa.

Noxa bebethiwe – kodwa bazamile ukudlala. Uphinde wabhakuzelisa umnatha okwesithathu uDion – kwacaca ukuba ngeke iGolden Arrows ikwazi ukufumana amagowuli amane kwiqela ebelizimisele kakhulu emdlalweni.

Emva komdlalo, uKhenyeza uvumile ukuba iqela lakhe lenze iimpazamo ezimbi kwisigaba sokuqala. Abadlali bakhe bazamileyo ukuzilungisa kwisigaba sesibini iimpazamo. Mabini amaqela ebhola ekhatywayo KwaZulu-Natal aseneendawo kwiCarling Knockout Cup enezigidi ezithandathu zerandi.

Emdlalweni wokuqala eMoses Mabhida Stadium, iRichards Bay izenzele imbali ngokubetha iPirates ngo’5-4 kumapenela emva kokuba umdlalo uphele kungekho gowuli ebhodini. Emva kwemidlalo yanamhlanje, amaqela amane aza kuthelekiswa ngoMvulo ukuze wona akhuphe amabini aza kulwela indebe.