AmaZulu azuze impumelelo yawo yokuqala yesizini entsha. Oku kwenzeke emva kokuba (AmaZulu) ebethe Amatsatsantsa a Pitori ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni weDStv Premiership obuvutha bhe eMoses Mabhida Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Omabini amaqela aye emdlalweni wanamhlanje egxeleshe impumelelo emva kokuba edlale ntanganye namaqela ebedlala nawo emidlalweni yokuvula isizini. AmaZulu abambene ngeqanda neTS Galaxy, kanti yona iSuperSport United ibambene ngo’1-1 neChippa United emdlalweni ebuye ngasemva kuwo eLucas Moripe Stadium. Abalandeli beyinikele umva uMoses Mabhida Stadium bonelisekile ngaphandle kwamathandabuzo emva kokunikwa umdlalo omhle.
Omabini amaqela asukelene kwisigaba sokuqala somdlalo. UVeli Mothwa uye wazibonakalisa ukuba ungunozinti ophambili ngethuba ebamba ibhola kaThabang Sibanyoni ebintle emizuzwini yokuqala yomdlalo. Ihambe phambili iSuperSport United ngebhola efakwe nguThapelo Maseko angayibonanga uMothwa. Kuyiwe kwixesha lokuphumla Amatsatsantsa ehamba phambili ngegowuli elinye. Amaqela abuyele ebaleni kwisigaba sesibini aphinda axhwithana okweenkunzi zetyiphu. Abhalise ebhodini AmaZulu igowuli lokulinganisa emva kwebhola efakwe yifolosi entsha, uGabadinho Mhango, ongene endaweni kaMaduna. Amathuba okuba kuphumelele nokuba leliphi iqela ebekhona. Oonozinti bamaqela omabini bebexakeke ngendlela engummangaliso nakwisigaba sesibini somdlalo.
UBonginkosi Ntuli, enye yeefolosi eziyingozi ebholeni yaseMzantsi Afrika, ubhakuzelise umnatha atsho AmaZulu ahamba phambili ngamagowuli amabini kwelinye. Naye uNtuli ufakwe kwisigaba sesibini somdlalo nguBrandon Truter. Kude kwaphela ixesha lomdlalo Amatsatsantsa engakwazanga ukufumana igowuli lokulinganisa. Zithe xibilili izibilini kuTruter emva kokuphumelela namhlanje. Izolo uxelele amajelo eendaba ukuba ufuna AmaZulu aphumelele indebe yeDStv Premiership njengabo bonke abaqeqehi. Amanqaku amathathu azuzwe liqela lakhe namhlanje aza kubakhuthaza kakhulu abadlali bakhe abadlale kakuhle kakhulu emdlalweni obunzima eThekwini. Usuthu luza kwamkela iCape Town City eseyibethwe emidlalweni emibini kule sizini entsha.
Imvumi yaseNgqeleni ibuye neembasa ezimbini kwiiMAMAs!