AmaZulu abhengeze abadlali abatsha abaliqela izolo. Oku kwenzeka kanye xa AmaZulu engena kwisigaba sokugqibela samalungiselelo okuqala kwesizini entsha yeBetway Premiership. Kwangaxeshanye, iAmandla Mobile yaziswe njengomxhasi omtsha weqela lebhola ekhatywayo elidala kwiphondo laKwaZulu-Natal.
Inkampani entsha ingene endaweni eshiywe nguSPAR emva kweminyaka engamashumi amane exhasa AmaZulu. Enye inkampani ehambileyo nguGrindrod obexhasa AmaZulu.
Zonke ezi nguqu zibhengezwe ngumnikazi weqela, uMnu. Sandile Zungu, kwindibano namajelo eendaba ebibanjelwe eMoses Mabhida Stadium. Phakathi kweendwendwe ebezimenyiwe bekukho uMnu. Carl Motaung oyiNgqonyela ye’Amandla Mobile.
Ethetha neentatheli izolo, uMnu. Motaung uzichaze njengeNgqonyela ye’Amandla Mobile – inkampani yabantu abamnyama ekwicandelo lezonxibelelwano eMzantsi Afrika. Esi sisiqalo sayo iAmandla Mobile ebholeni.
UZungu ubamkele ngovuyo abaxhasi abatsha beqela lakhe. “Umxhasi wethu omtsha esimnikwe nguMTN ubone kufanelekile ukuba axhase thina. Siyaziqhenya siliqela ngoba le nto ibonisa ukuzibophelela komxhasi omtsha ekukhuleni kweqela lethu.
“Kusiphoxile kona ukuvala isizini sikwindawo ebesingayifuni – kodwa siqinisekile ukuba siza kuyifumana indawo esiyifunayo. Xa kwenzekile esikufunayo, sakujonga emva sibulele inkxaso esiyifumene kwiinkampani ezisixhasyo,” utshilo uZngu.
AmaZulu amkele izikipha zawo ezitsha eziluhlaza, ezimhlophe nezityheli. UZungu uye wabhengeza abadlali abatsha abasixhenxe abaza kudlalela AmaZulu kwisizini ezayo yeBetway Premiership.
Amagama wabadlali abatsha nguKwanda Mngonyama, uLuvuyo Phewa, uEtiosa Ighodaro, uBoniface Haba, uSenzo Ndlovu, uLeonardo Roy noThato Matli. Ngabadlali aba ekulindeleke bathathe AmaZulu bawabeke kwindawo yesibini okanye kwindawo yesine kwisizini ezayo ngokomqweno womnikazi weqela.
Silungiselela ukukhusela indebe yethu kwiWafcon, utsho uDesiree Ellis