AmaZulu abhengeze uBenni McCarthy njengomqeqeshi wawo omtsha!

Emva kokuthi tshalala ixesha elide ebholeni yaseMzantsi Afrika, uBenni McCarthy ubuyile kwakhona. Ngoku njengomqeqeshi waMaZulu. UMnu. Sandile Zungu wenze esi sibhengezo kwimizuzu embalwa egqithileyo namhlanye eThekwini kwiphondo laKwaZulu-Natal. Ekuqaleni kwesizini, AmaZulu athengwe nguMnu.

Zungu kwaye wayibeka yacaca kwantlandlolo into ethi ufuna iqela lakhe lilwele iindebe. Kwiveki ephelileyo, kuvakele iindebe ezithi uAyanda Dlamini ubeke phantsi njengomqeqesho oyintloko emva kweziphumo ezingancumisiyo ncam emidlalweni emithandathu Usuthu oluzidlalileyo kwisizini yePSL ka-2020/21. “Ndibuyile kwakhona,” utshilo uMcCarthy emva kokwaziswa kwakhe nguZungu namhlanje.