AmaZulu abokoboko macala yinduku

Thembela Skhakhane of AmaZulu challenged by Siphiwe Tshabalala of Kaizer Chiefs during 2017 Telkom Knockout match between Kaizer Chiefs and AmaZulu at Moses Mabhida Stadium, Durban South Africa on 28 October 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

AmaZulu abokoboko
amacala kwaye akayikrokreli nakancinci iKaizer Chiefs emva kokuwabetha ngo’3-0
kumdlalo weTelkom Knockout obushushu bgeyona ndlela ingathethekiyo kobu busuku
eMoses Mabhida Stadium ebithe mome ngabalandeli bebhola abaqabele ngaphaya
kwamashumi amabini anesihlanu amawaka. Iqela likaSteve Komphela lingena
kwisigaba esilandelayo solu khuphiswano [Telkom Knockout] ngokukhulu
ukuzithemba emva kokuvula kakuhle ngemvula yamagowuli. Amakhosi anethemba
lokuguquka kwezinto emva kwendlala ewathe mpa iisizini ezimbini zonke.

Umdlalo uqale
ngesantya esiphezulu zisuka ngoba omabini la maqela aze kulo mdlalo
ekhuthazekile emva kokudlala kakuhle kwimidlalo yePSL kwiveki ephelileyo –
kodwa ngaphezulu koko bekubonakala ukuba anxanelwe impumelelo. UBernard Parker
ebedlala yedwa phambili – kodwa ebebaphethe mantsantsa abadlali baMaZulu emva
encediswa zizikhuthali zabadlali abafana Hendrick Ekstein, uGeorge Maluleke,
uJoseph Molangoane noSiphiwe Tshabalala. UMaluleka ungcangcazelise umnatha
kwisigaba sokuqala; emva koko iChiefs iquqe ibuyelela okwezulu laseMthatha
kumdlalo kanozinti waMaZulu. UMabhuti Khenyeza njengesiqhelo ubagcine bemincile
abalandeli beChiefs ngenxa yokuyikhathaza phaya emva.

Kwisigaba sesibini
somdlalo Amakhosi abuye etyile kwelinye iphepha; ahlasele macala ade avuzwa
ngebhola efakwe ngu-Ekstein kwaze emva kwakhe kwalandelisa uTshabalala. Umgangatho
womdlalo ubuphezulu kakhulu kwaye nawo AmaZulu ebengatyhafanga nangoba ebehamba
emva ngamagowuli. Nakwisigaba sesibini, u-Itumeleng Khune, uye wanyanzeleka
asebenze; iifolosi zikaCavin Johnson bezifun’ into ibilapha. Kude kwasekugqibeleni
AmaZulu engakwazanga nokufumana eli lokubika ekhaya igowuli. Kodwa akanawukhala
nakancinane ngoba abethwe liqela ebelizimisele kakhulu emdlalweni.