AmaZulu abuthuntu akamonwabisi kwaphela uBenni McCarthy

UBenni McCarthy, oqeqesha AmaZulu, akanobwanga yindlela abawaphosa ngayo amathuba abadlali bakhe. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Ushiyeke ephoxekile uBenni McCarthy emva kokuba AmaZulu engakwazanga ukufaka amagowuli kwakhona. AmaZulu abambene ngeqanda neTS Galaxy emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium ebusuku ngoLwesibini wale veki. Ibingumdlalo weshumi elinanye lowo AmaZulu adlale ntanganye kuwo kwisizini eqhubekayo. Kodwa eyona nto elaxaze kakubi uMcCarthy kukuba Usuthu luphose ithuba lokuya kwindawo yesithathu kwiDStv Premiership ekhokelwa yiMamelodi Sundowns ngamanqaku alishumi elinesixhenxe. Umqeqeshi ufuna AmaZulu alwele indawo yesibini kwakhona emva kokufumana ithuba lokudlala kwiCAF Champions League ngenxa yomsebenzi omhle awenze kwisizini egqithileyo. Eyona nto ekhale ngayo kakhulu uMcCarthy emva komdlalo ibe kukungasetyenziswa kwamathuba ngabadlali bakhe ebaleni. “Asikwazi ukufaka amagowuli,” utshilo uMcCarthy emva komdlalo.

AmaZulu aleli kwindawo yesixhenxe, ashiywa ngamanqaku amathathu yi-Orlando Pirates ehleli kwindawo yesibini emva kweSundowns. Emva kwamashumi amabini ananye emidlalo, Usuthu luqokelele amashumi amabini anesibhozo amanqaku. Nangona isiqale sesizini besisibi – kodwa lisekhona ithuba lokuba Usuthu luphinde into elinze kwisizini egqithileyo. “Ukungazithembi kwabadlali yeyona nto ephambili eyenza kube nzima ukufaka amagowuli. Kwisiqingatha sokuqala siwafumene amathuba ambalwa okufaka amagowuli. UMajoro noMlambo bebefumene amathuba amahle kakhulu. Xa ungakwazi ukuwasebenzisa amathuba ebaleni, iqela odlala nalo liwuthathela kuwo umdlalo. Asinto ebesiyilindele ukudlala ntanganye emva kokuphumelela kakuhle umdlalo weCAF Champions League,” utshilo uBenni.

“Amanqaku alo mdlalo ebeza kusibeka kwindawo yesithathu emva kwePirates. Ukuba amanye amaqela ayiphumelele imidlalo yawo, siza kuphindela esiphakathini seDStv Premiership – kanye kula ndawo singayifuniyo,” uvale ngaloo mazwi umqeqeshi. Nangona ephexekile, AmaZulu kufuneka ayiphese kwelokulibala eyenzeke emdlalweni ogqithileyo ngokukhawuleza ngoba anomdlalo obalulekileyo ngoLwesihlanu. Usuthu lwamkela iES Setif emdlalweni weChampions League oza kube useMoses Mabhida Stadium. Luya emdlalweni lunamandla emva kokubetha iHoroya ngegowuli elinye eqandeni eThekwini kwiveki ephelileyo. Komnye umdlalo weChampions League, iSundowns iza kujamelana ne-Al Ahly emdlalweni ojongwe ngamehlo abomvu ngoMgqibelo.