Nakubeni AmaZulu engekabethwa emidlalweni ayidlalileyo kwisizini eqhubekayo – kodwa umqeqeshi wawo akonwabanga ngenxa yabadlali bakhe abangakwaziyo ukufaka amagowuli. UFranco “Cijimpi” Martin uvakalise inkxalabo yakhe emva kokuba AmaZulu ebambene ngenqanda macala neRichards Bay FC emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium ngempelaveki egqithileyo. Ibingumdlalo wesithathu AmaZulu edlala ntanganye kule sizini. Emdlalweni wokuqala, Usuthu labambana ngeqanda neRoyal Am phambi kokudlala ntanganye neSuperSport United emdlalweni wesibini. Ukungaphumeleli kwalo iqela likaMnu. Sandile Zungu lingaphinde kulityhalele engxakini kwakhona nakule isizini emva kokugqwidiza kakhulu kwisizini ephelileyo.
Phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo, AmaZulu akhulule inqwaba yabadlali abaquka ifolosi, uGabadinho Mhango. Noxa kunjalo, iifolosi ezifana noNtuli noKwem zisekhona. “Le yinto engazange yenzeka ebomini bam njengomqeqeshi. Zange yadlula imidlalo emibini iqela eliqeqeshwa ndim lingafakanga igowuli emdlalweni. Kufuneka sifumane isisombululo,” utshilo uCijimpi ethetha emva komdlalo wangempelaveki. Ngoku AmaZulu ahleli kwindawo yeshumi elinanye emva kokuqokelela amanqaku amathathu emidlalweni emithathu. “Kufuneka sifumane unobangela wokungadlali kwethu kakuhle emidlalweni njenga xa sidlala ejimini phakathi evekini. Nathi singabaqeqeshi kufuneka sizame ukuguqula izinto.
“Ewe, ukungafakwa kwamagowuli kuyasonwabisa – kodwa ukungafaki kwethu amagowuli akusonwabisi kwaphela. Indlela imidlalo ecwangciswe ngayo ayizukuguquka. Ngamanye amaxesha siza kulifumana ixesha lokuzilungiselela ngokwaneleyo, ngamanye amaxesha alizubakho,” utshilo uMartin. AmaZulu adibana neKaizer Chiefs emdlalweni weDStv Premiership oza kube useFNB Stadium ngoMgqibelo. Iyophisa iChiefs emva kokubethwa yiTS Galaxy ngo’1-0 emdlalweni obuseMbombela Stadium. Usuthu lungabuya namanqaku apheleleyo kwiChiefs ngoba ayikadlali umdlalo odibeneyo phantsi komqeqeshi omtsha, uMolefi Ntseki. Ngaphezulu koko, AmaZulu akanalo ilishwa lokufane abethwe yiChiefs xa ingaqhubi kakuhle njengangoku. Wona Amakhosi aza kuzama ukuphumelela ekhaya umdlalo wokuqala kule sizini.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa