Nangona AmaZulu esithi akayithengisi nje ifolosi, uBongi Ntuli – kodwa athi angachisilika ukuba iqela elimfunayo lingabeka ishumi lezigidi zerandi (R10-m) etafileni.
UNtuli, 28, uphakathi kweefolosi ezinamanqaku amaninzi kule sizini ye-Absa Premiership.
Phambili nguGabadinho Mhango we-Orlando Pirates osele efake amagowuli alishumi elinesine – kanti yena uNtuli ufake ishumi elinesibini.
OkaNtuli lithemba loSuthu njengokuba lizama ukuphepha izembe phambi kokusongwa kwesizini ka-2019/20.
Nakubeni isizini isamisiwe ngenxa yentsholongwane ebhubhisayo kwihlabathi lonke – kodwa abaphathi beqela lakhe bayazi ukuba amaqela aneepokotho ezinzulu aza kuthetha phambi kwabo efuna uNtuli.
Iingxelo zithi uNtuli ufunwa yiPirates – kodwa abaphathi bakhe okwangoku bathi: ‘hayi akathengiswa’.
Umphathi waMaZulu, uQedani Dlamini, uthi amaqela aseMzantsi Afrika kwakufuneka angene nzulu ezipokothweni zawo abhathale izigidi ezilishumi zerandi ukuba afuna uNtuli.
Le folosi yaKwaZulu-Natal yazibonakalisa ukuba iyakwazi ukudlala ibhola ekhatywayo nokufaka amagowulu ngethuba isadlalela iGolden Arrows.
Emva koko wathatwa yiMamelodi Sundowns angazange enze nkqubela kuyo.
“UBongi akathengisi. Uyazi ukuba esekwiSundowns, wayesoloko enditsalela umnxeba endazisa ngomnqweno wakhe wokubuyela ekhaya. Yiyo lo nto kwabalula ukumfumana ngemboleko kwiSundowns. Zange sithandabuze ke ukumthatha nangokuya kwakuvela ithuba lokwenza njalo. Unesivumelwano seminyaka eliqela nathi kwaye ndicinga ukuba wenze umsebenzi omhle kakhulu kwisizini yakhe yokuqala,” utshilo uDlamini ethetha ne-Independent Media.
AmaZulu athi akazimiselanga ukumthengisa kwaphela uNtuli – kodwa ukuba kunokwenzeka kubekho into ewanyanzelayo, ukuhamba kwakhe kuya kukhatshwa yimali eninzi kakhulu.
“Ngeke ahambe ngexabiso eliphantsi; ulutyalo-mali kuthi,” utshilo uDlamini.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo