Umqeqeshi waMaZulu, uBrandon Truter, ufuna okungenani iqela lakhe libuyele ekhaya liphethe into esandleni emva komdlalo wanamhlanje. AmaZulu athathana etshatshalazeni neKaizer Chiefs emdlalweni weMTN8 ekulindeleke utake iintlantsi eFNB Stadium emalanga ngentsimbi yesithathu. La maqela mabini ake adibana emdlalweni weDStv Premiership oye waphela ebambene kwinyanga ephelileyo. Izinto ziza kwahluka kodwa emdlalweni wanamhlanje ngoba kudlalelwa indebe futhi omabini amaqela alambele indebe. Noxa AmaZulu ebeyiqale kakuhle isizini kuneChiefs, ebila ibanda emidlalweni yayo – kodwa nawo akaqhubi kakuhle mvanje.
UTruter uya emdlalweni weMTN8 efuna ukubuyisa isidima seqela lakhe ngokubetha iChiefs emdlalweni wokuqala weMTN8 ukuze lithi lisiya eMoses Mabhida Stadium zibe izinto zicalanye. “Sifuna ukugoduka siphethe into emdlalweni wokuqala. Kungakuhle ke ukuba kungakho igowuli esilifumanayo,” utshilo uTruter ethetha neentatheli kutshanje. Ingxaki yawo AmaZulu kukuvuza okwenza kubelula ukufakwa kwamagowuli kuwo. Lo nto iyamxhalabisa umqeqeshi – kodwa unethemba lokuhle emdlalweni oseFNB Stadium. “Ingxaki esinayo okwangoku kukufakwa kwamagowuli kuthi ngendlela engacacanga.
“Ukuba kungangafakwa gowuli kuthi emdlalweni, ingancomeka kakhulu lo nto. Sinethemba lokuba inkxaso yabalandeli bethu iza kwenza umahluko emdlalweni wethu ngoba ngabona abasoloko besinika amandla,” utshilo uTruter, ekunokwenzeka azibhaqe sele ethawuza emalahleni ukuba izinto aziguquki eqeleni lakhe. UTruter uye wanikwa umsebenzi wokuqeqesha Usuthu ngokusesikweni kule sizini emva kokuba libambela emva kokuhamba kukaBenni McCarthy kwisizini egqithileyo. Ukudlala kwawo AmaZulu indebe efana neMTN8 kuyancomeka kwaye akhe afumana ithuba lokudlala nakwiCAF Champions League kwisizini engaphaya kwephelileyo emva kokuvala isizini kwindawo yesibini.
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!