AmaZulu afuna ukuthunuka iPirates emdlalweni weMTN8!

Indebe yeMTN8. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Amaqela amabini amadala ebholeni yaseMzantsi Afrika, AmaZulu ne-Orlando Pirates, aza kuswantsulisana kube nzima emdlalweni wamagqibelakankqoyi weMTN8 obekelwe intsimbi yesithandathu emalanga ngoMgqibelo, eMoses Mabhida Stadium. Phakathi kwezinto ezinika umdla ngomdlalo weMTN8 kunyaka kukuba omabini amaqela aqeqeshwa ngabaqeqeshi abasuka kwamanye amazwe. Bobabini bafike phambi kokuqala kwesizini, ngoku bafumana ithuba lokubhala amagama wabo ezintliziyweni zabalandeli ngokuphumelela indebe. Phantsi kukaJosef Zinnbauer, iPirates ikhe yayiphakamisa indebe yeMTN8 ngonyaka ka-2020. Kanti wona AmaZulu agacele indebe yawo yokuqala phantsi kukaMnu. Sandile Zungu owathenga iqela kubantu bakwaSokhela.

Ukuphumelela indebe emva kweminyaka emininzi agqibela ukuphakamisa ingayinto enkulu kakhulu kuMnu. Zungu ozimisele ukubuyisa AmaZulu wakudala awayenamandla ebholeni yaseMzantsi Afrika. IPirates iya emdlalweni omkhulu ngempelaveki kakubi emva kokubethwa yiKaizer Chiefs emdlalweni weDStv Premiership. Kanti wona AmaZulu abethe iStellenbosch FC ngegowuli elinye eqandeni. Ibikokokuqala uRomain “Fohloza” Folz ephumelela umdlalo ukusukela wafika eMzantsi Afrika. UJose Riveiro, ozingela indebe yokuqala, uxelele oonondaba ekuqaleni kweveki ukuba indlela yokulungisa idemesha eyenzeke eFNB Stadium kwiveki egqithileyo kukuphumelela indebe eMoses Mabhida Stadium.

“Sifuna ukuyilibala into yokubethwa kwethu ngokukhawuleza. Iziphumo zomdlalo ogqithileyo azisiphethanga kakuhle konke konke – kodwa kufuneka silungiselele umsebenzi esiza kujongana nawo ngoMgqibelo,” utshilo uRiveiro. Kwelinye icala, umqeqeshi waMaZulu uthi ukudlalela eThekwini kuza kulinceda iqela lakhe. Usuthu lagqibela ukuphumelela indebe ngeyeCoca Cola ngonyaka ka-1992. “Siza kuzama ukugcina iingqondo nemizimba yethu idlamkile. Kuya sivuyisa ukudlalela ekhaya,” utshilo uFohloza. Iqela eliphumeleleyo liza kufumana indebe ekhatshwa zizigidi ezisibhozo zerandi (R8-million). Kanti kwiveki ezayo, iPirates idibana neChiefs – wona AmaZulu adibana neMamelodi Sundowns kwiCarling Black Label yosuku olunye eza kube iseFNB Stadium.