AmaZulu agubungele ingqondo kaMiddendorp

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uErnst Middendorp, uthi ingqondo yakhe uyibeke kuMaZulu aza kudlala neqela lakhe ngoMgqibelo

Nangona iKaizer Chiefs ikwazi ukuqokelela amanqaku apheleleyo xa idlala namaqela amakhulu kodwa kusekho ingxaki esisithukuthezi kuyo xa idlala namancinane.

Amakhosi, abe phantsi koxinizelelo emva kokubethwa yiMaritzburg United kwinyanga ephelileyo, kuye kwakho uqabu kuwo emva kokubetha iOrlando Pirates ngo’1-0 kwiveki ephelileyo.

Ukuphumelela kwayo iChiefs kuthethe ukuthi ifumene elinye ithuba lokuphefumla ngoba iPirates ayisenalo ncam ngoku ithuba lokuyifumana noxa kusekho iMamelodi Sundowns esenemidlalo engekayidlali.

Kodwa eyona ngxaki yeChiefs ngamaqela amancinane ayisokolisayo ide iphulukane nemidlalo. Yiyo lo nto AmaZulu egubungele ingqondo kaErnst Middendorp ngoku.

Amakhosi awabetha AmaZulu emdlalweni wokuqala kodwa nzima. Kwabakho izigqibo ezathathwa ngusompempe nomncedisi wakhe ezashiya abantu abaninzi bengonelisekanga.

Kodwa eyona nto eza kunzimela iChiefs ngempelaveki kukuba AmaZulu alwela ukusinda ezembeni kwaye uMiddendorp kufuneka azame ukuzinzisa iingqondo zabadlali bakhe emva kokubetha iPirates ukuze bangalideleli Usuthu.

Amakhosi aza kwamkela AmaZulu emdlalweni weAbsa Premiership ngentsimbi yesibhozo ebusuku ngoMgqibelo, eFNB Stadium. Bekufanele kube lula kwiChiefs ngoba AmaZulu akekho kwisimo esihle ngakumbi emva kokunqumamisa umqeqeshi wawo, uJozef Vukusic, ngenxa yeziphumo ezibi nokubethwa yiChippa United kwiveki ephelileyo.

Kodwa kunyanzelekile iqela likaMiddendorp liyiphumelele yonke imidlalo ukuze liphakamise indebe emva kwendlala yeminyaka emihlanu.

“Akandixhalabisi konke konke amaqela esikhuphisana nawo phezulu ngoba aseza kudlala odwa abethane. Oyena mdlalo ondixhalabisayo mna ngulo siza kuwudlala naMaZulu ngoba ngowona uza kuba nzima ngaphezulu kokudlala nePirates. Okubalulekileyo ngoku kukuqinisekisa okokuba iingqondo zabadlali zizinzile kule midlalo elithoba eshiyekileyo,” utshilo uMiddendorp ethetha neentatheli emva kokubetha iPirates ekulindeleke ikhuphele umsindo wayo kwiGolden Arrows eza kudlala nayo eSugar Ray Xulu Stadium.

Imidlalo ye-PSL:

Lwesihlanu: Maritzburg United vs Polokwane City @Harry Gwala Stadium, 20:00

Mgqibelo: Baroka vs Black Leopards @Peter Mokaba Stadium, 15:30; Golden Arrows vs Orlando Pirates @Sugar Ray Xulu, 18:00; Kaizer Chiefs vs AmaZulu @FNB Stadium, 20:15; Bidvest Wits vs Chippa United @Bidvest Wits Stadium, 20:15

Cawe: Cape Town City vs Bloemfitein Celtic @15:30; Highlands Park vs SuperSport United @Makhulong Stadium, 15:30.