Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, yindoda eyaziwayo ngokuthetha phandle xa iyifuna into.
Kutshanje uPitso ushiye AmaZulu engonwabanga emva kokuba ethe kukho umdlali oyifolosi amfunayo KwaZulu-Natal.
UPitso uthe ngeke anikezele ekufumaneni lo mdlali amfunayo ngokuba ngumdlali odlala ibhola ephucukileyo kakhulu. Ifolosi etshisayo KwaZulu-Natal inye – nguEmiliano Tade odlalela Usuthu.
UTade yindoda esuka kwilizwe lase-Argentina, efike yenza umahluko omkhulu kwiqela likaCavin Johson.
Njengokuba unyaka usemtsha, amaqela amaninzi asathe bhazalala ngelizama ukufumana abadlali anokuwanceda ukuze avale isizini ekwiindawo ezindilisekileyo kwiPSL.
Emva kokuhama kukaPercy Tau, uKhama Billiat nasemva kokonzakala kukaSibusiso Vilakazi kwiSundowns – ngoku uPitso ukhangela indoda enokumnceda kwicala lokufaka amagowuli.
Umanejala waMaZulu, uLunga Sokhela, uthi akanawo umdla wokuthengisa uTade.
“Akalikhankanyanga igama lomdlali. Into ayithethileyo kukuba kukho ifolosi kwindawo ethile KwaZulu-Natal. Lo mdlali athetha ngaye angakwiGolden Arrows okanye kwiMaritzburg United. Kodwa into endinokuyithetha yile: akukho qela elithethileyo kuthi ngomdlali. Lixesha lokuthengwa kwabadlali kwaye kusoloko kukho amahum-hum ngabadlali abathile. Thina asinawo umdla wokuthengisa uTade okwangoku,” utshilo uSokhela.
UTade ofike ekuqaleni kwesizini yePSL ka-2018/19 unamagowuli amahlanu kwimidlalo elishumi elinesithandathu ayidlalileyo. Kodwa ungumdlali omhle ngokuba ukwanegalelo nakwabanye abadlali abafake amagowuli.
“Asinokukwazi ukuthengisa abadlali ngenxa yendawo esikuyo kwiPSL. Iingqondo zethu ngoku zikwiNedbank Cup,” utshilo uSokhela.
AmaZulu ahleli kwindawo yeshumi elinesibini kwiPSL aza kuqubisana neHighlands Park emdlalweni weNedbank Cup ngo’20:00 ngoLwesihlanu.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman