AmaZulu amkhombe emnyango uBenni McCarthy

UBenni McCarthy, obeqeqesha AmaZulu FC, ugxothiwe namhlanje. Umfanekiso: Gerhard Duraan/BackpagePix

Ezingenayo emini nje iindaba zithi AmaZulu FC agqibe kwelokuba amkhombise umnyango uBenni McCarthy, itsho ingxelo ekhutshwe yiSoccer Laduma. UMcCarthy waqeshwa ngaMaZulu njengomqeqeshi ngomhla weshumi elinesine kwinyanga yeKhala ngo-2020. Kwisizini edlulileyo, AmaZulu avale isizini ekwindawo yesibini kwiDStv Premiership emva kweMamelodi Sundowns. Ngokufumana indawo yesibini, AmaZulu azuze ithuba lokudlala kwiCAF Champions League okokuqala kwimbali yawo.

Nangona eqhothozile – kodwa kwiveki ephelileyo aye akhutshwa kwiChampions League. Isizini yesibini akayiqalanga kakuhle AmaZulu – kodwa azamile ngoba asekwiTop 8 futhi ithuba lisekhona lokufumana indawo kumaqela amane aphambili efunwa nguMnu. Sandile Zungu. Kubekhona ukubethana kweembono ngabadlali abafunayo uMcCarthy. Ukungadlaliswa kukaSiyethemba Sithebe kuba kusithiwa usayinwe yiKaizer Chiefs zange akubone njengengxaki uMcCarthy njengomphathi wakhe.

Kutshanje, umqeqeshi umemelele ukusayinwa kukaSiyanda Xulu obekade edlalela iqela laphesheya. Nangona kungekacaci into ebangele agxothwe – kodwa ukuthetha kwakhe esidlangalaleni ngezinto azifunayo kunokwenzeka ukuba kumenze wanetyheneba elibi kubaphathi boSuthu. AmaZulu akakazikhuphi iinckukacha ngokugxothwa kukaMcCarthy. Kutshanje, uZungu utyityimbisele umnwe uMcCarthy ngelithi ukuba AmaZulu akekho kwiTop 4 xa kuphela isizini, uza kumthathela amanyathelo.