Ancumile AmaZulu emva kokuba entywilisele iRichards Bay ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eKing Zwelithini Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Ngumdlalo wesibini lo wanamhlanje ophunyelelwe ngaMaZulu phantsi kwamadoda amabini, uArthur Zwane noVusumuzi Vilakazi, abaqeqesha ngokubambisana.
Kuthe qabu mamnandi ngoku kubaqeqeshi abafike kukubi, AmaZulu ewiza engxakini emva kokubethwa emidlalweni yokuqala kwisizini eqhubekayo phantsi kukaPablo Martin obuyele elizweni lakhe iSpain.
IRichards Bay, eqale ngaphandle kukaBrandon Truter ogxothwe izolo, iqale umdlalo kubonakala ukuba izibambile futhi ayifuni ukulahlekelwa. Wona AmaZulu ahlasele ngamandla ngoba ebezazi ukuba adibene neqela elinabadlali abangazithembanga.
Abhalise ebhodini kuqala AmaZulu phambi kokutshintshwa kwamacala ngebhola efakwe nguRowan Human emva kwempazamo eyenziwe nguTshepanga Morena endaweni embi. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iphantsi koxinizelelo iRichards Bay.
Bekunyanzelekile ukuba iRichards Bay inyuse umxakatho kwisigaba sesibini ukuze ikwazi ukufumana igowuli lokulinganisa. Endaweni yoko, AmaZulu ongeze idemesha. Afumene igowuli elifakwe nguEtiosa Ighodaro emzuzwini wamashumi amathandathu anesithandathu.
Phakathi kwisigaba sesibini uzamile uYamela Mbuthuma ukufaka igowuli ntekunayo ebethe qwa unozinti. Emva kwemizuzu embalwa uEthan Brooks ufake igowuli lesithathu phambi kwelokubika elifakwe nguMbuthuma sekuphela ixesha lomdlalo. AmaZulu anyukile emva kwempumelelo ayizuze namhlanje, yona iRichards Bay isetshobeni.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika