AmaZulu aphinde ayithunuka iCape Town City yaphuma kwiMTN8

ULehlohonolo Majoro ebhiyozela igowuli alifakileyo emdlalweni weMTN8 ebuphakathu kweCape Town City naMaZulu, eAthlone Stadium, namhlanje emalanga. Umfanekiso: ©Shaun Roy/BackpagePix

AmaZulu adlulela kwisigaba esilandela seMTN8 Cup emva kokuba ebethe iCape Town City ngo’2-1 emdlalweni obushushu eAthlone Stadium emalanga namhlanje. Ibikokwesibini AmaZulu eyibetha iCape Town City kule sizini entsha. Kwiiveki ezigqithileyo, iqela likaEric Tinkler libuye liqhwalela eThekwini – apho libethwe khona emdlalweni weDStv Premiership eqhubekayo. Nakubeni iCity isasokola emidlalweni yesizini entsha – kodwa bekukho ithemba lokuba ingenza umsebenzi ongcono emdlalweni wanamhlanje emva kokuba ibethe iKaizer Chiefs ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni obusekuqaleni kwale veki iphelayo.

Isiqingatha sokuqala siphele iyinkwa nekwa amacala omabini. Bekungekho qela elifuna ukubethwa. AmaZulu atsazise igazi kuqala ngebhola efakwe yifolosi yaseNigeria, iAugustine Kwem, efumene ibhola edlalwe kakuhle nguGabadinho Mhango. Ilwile kakhulu iCape Town City yade yavuzwa ngegowuli elifakwe nguKhanyisile Mayo emzuzwini wokugqibela kwisiqingatha sokuqala. Asukele kwakhona amaqela kwisigaba sesibini somdlalo ekhangela amagowuli okuphumelela umdlalo. UVeli Mothwa uye waxakeka khakhulu kwisigaba sesibini ngoba abadlali beCape Town City bebefuna intw’ ibilapha. Kuthe kwakucaca ukuba kunzima, uBrandon Truter ufake uRamahlwe Mphahlele endaweni kaMobara.

Amathuba okufumana amagowuli ebekhona kwisigaba sokuqala kakhulu nangona kungekho qela elikwazileyo ukuwasebenzisa. Usompempe uwuphelisile umdlalo kungekho qela elikwazileyo ukubhakuzelisa umnatha. Kuyiwe kwixesha elongezelelweyo kuba bekufuneka kubekho iqela eliphumeleleyo emdlalweni wanamhlanje. AmaZulu afake uLehlohonolo Majoro kwisigaba sesibini sexesha elongezelelweyo endaweni kaMhango. Emva kokuphosa ithuba lokuqala, uMajoro ulisebenzisile elesibini atsho AmaZulu aphumelela ngamagowuli amabini kwelinye. Ngoku Usuthu luza kulungiselela isigaba esilandelayo seMTN8 Cup ehamba nezigidi ezisibhozo zonke zerandi (R8-million).

Cape Town City: Keet, Mkhize, Fasika, Fielies, Mashego, Mokeke, Goedeman, Ambina, Mayo, Darwin, Lekay.

Amalalela: Mpandle, Cupido, Mdantsane, Martin, Makola, Nodada, Bender, Van Heerden, Kajally.

AmaZulu: Mothwa, Sikhakhane, Hanamub, Gumede, Mobara, Buchanan, Makhaula, Maluleka, Kwem, Mhango, Ntuli.

Amalalela: Amonome, Khumalo, Zulu, Mphahlele, Brooks, Magaqa, Zuma, Munda, Majoro.