AmaZulu asaphumile kancinci emalahleni emva kokongamela iBlack Leopards emdlalweni onzima

Tiklas Thutlwa of Black Leopards challenged by Sandile Khumalo and Butholezwe Ncube of AmaZulu during the Absa Premiership 2019/20 match between AmaZulu and Black Leopards at Lucas Moripe Stadium on 29 August 2020. Samuel Shivambu/BackpagePix

Umlo
wamaqela abaleka izembe mbi kakhulu. Ilelo nelo iqela lilwela ubomi balo.
Namhlanje AmaZulu azikhuphile emalahleni atshisayo emva kokuba ebethe iBlack
Leopards ejingelwa lizembe ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni we-Absa
Premiership obubanjelwe eLucas Moripe Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Emzuzwini
wesixhenxe kwisigaba sokuqala umdlalo uqalile, uBongi Ntuli, wenze into adume
ngayo ngokubhakuzelisa umnatha. Bekufanele ukuba AmaZulu aye afumana igowuli
lesibini, ntekunayo uLehlohonolo Majoro akakwazanga ukusebenzisa ithuba
esendaweni entle emva kokufumana ibhola ebisuka kuSiyethemba Sithebe. Kuyiwe
kwixesha lokuphumla AmaZulu ehamba phambili futhi elikhusela igowuli lawo.

Unozinti
weLeopards, uKing Ndlovu, akakwazanga ukubamba ibhola endaweni embi – kodwa ngethamsanqa
lakhe, u-Edwin Gyimah ufike wayitshayela ingxaki ebikhona. Yena uTumelo
Khutlanga, obenethuba lokubeka iBlack Leopards endaweni entle, woyiswe
kukusebenzisa ibhola ebidlalwe kakuhle nguThabo Matlaba kwisigaba sesibini
somdlalo. Nangona iqela laseLimpopo likwazile ukudlala umdlalo ongcono – kodwa alikwazanga
ukubhalisa ebhodini. Ngoku Usuthu luhleli kwindawo yeshumi elinesithathu – yona
iLeopards ithe ngcu kwindawo yeshumi elinane. AmaZulu akakaphumi engxakini
ngokupheleleyo. Kufuneka asebenze ngamandla emidlalweni elandelayo – kodwa awona
maqela asantwyila engxakini yiLeopards, iBaroka nePolokwane City.