
Umoya wabadlali
enkampini yaMaZulu uphezulu futhi abadlali bazimisele ukwenza ezibukwayo xa
bedibana neKaizer Chiefs kule mpelaveki. Usuthu luhambela phezulu kwezi ntsuku emva
kokubetha amaqela afana neBidvest Wits neMamelodi Sundowns kwiveki ephelileyo. NgoMgqibelo
AmaZulu azakulwa kube mdaka iisali xa edibana neChiefs kumdlalo obalulekileyo
weTelkom Knockout ngo’20:15 eMoses Mabhida Stadium. Nangona bekukhe kwanzima
ekuqaleni kwesizini yePSL eqhubayo, uCavin Johnson nabadlali bakhe, bakwazile
ukuziguqula izinto kweli qela laKwaZulu
– ngoku bajonge ukusebenzisa umdlalo wale mpelaveki njengethuba lokuqinisa
umdlalo wabo. Umdlalo uzakuba nzima kakhulu ngoba Usuthu ludibana neChiefs
enkxanelwe impumelelo.
“Umdlalo
uzakuba nzima ngoba iChiefs iqhuba kakuhle kwimidlalo yayo. Inendlela edlala
ngayo kwisiqingatha sokuqala, iphinde itshintshe kwese sibini. Lo nto ithi
silindele iqela elingadlali ngendlela enye,” utshilo uJohnson.
UJohnson
ukuthatha ukudlalelwa kwalo mdlalo eMoses Mabhida njengokuba kudlalelwa ekhaya
nangona ingoweChiefs – kwaye uzimisele ukulisebenzisa eli thuba neqela lakhe. “Siyakwamkela
ukudlalelwa kwalo mdlalo apha eMabhida nangona sisazi ukuba iChiefs
inabalandeli abaninzi abazakuyiqhwabela emdlalweni,” uvale ngalo mazwi uJohnson
ngethuba ethetha neentatheli.
Amakhosi
akhangela indebe yawo yokuqala emva kwendlala yeminyaka emibini yonke.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike