AmaZulu athe makazichithe iintente uBrandon Truter obefungele iChiefs kwiMTN8

UBrandon Truter obeqeqesha AmaZulu ugxothiwe. Umfanekiso: Gerhard Duraan/BackpagePix

Namhlanje kubekho umqeqeshi wesihlanu olahlekelwe ngumsebenzi kwiPremier Soccer League. Oku kulandela isibhengezo esenziwe liqela lebhola ekhatywayo laKwaZulu-Natal, AmaZulu FC, esithe lohlukene nomqeqeshi walo, uBrandon Truter. Usuthu limgxothile uTruter, 52, namhlanje emva kokuba AmaZulu ebethwe yiRichards Bay ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obiyizolo. “AmaZulu Football Club azisa uluntu okokuba ohlukene noBrandon Truter obengumqeqeshi isithuba esingaphaya kweenyanga ezintlanu,” itshilo ingxelo ebhaliweyo. “Waqhuba kakuhle kakhulu emva kokuthatha iintambo kuBenni McCarthy ekuqaleni kwalo nyaka.

“Kodwa okuye kwacaca kukuba izinto ziye zanzima, iqela lisaphumelele kathathu emidlalweni eliyidlalileyo kule sizini. Imidlalo yakhe njengomqeqeshi waMaZulu ilishumi elinethoba. Uphumelele esixhenxe, udlale ntanganye kwesixhenxe waze wabethwa kwemihlanu,” itshilo ingxelo. Nangona kwiveki ephelileyo ebefungele iChiefs abambene naMaZulu ngo’1-1 emdlalweni weMTN8 obubanjelwe eFNB Stadium, kodwa kuyacaca ukuba iintsuku zakhe besezibaliwe. AmaZulu akakwazanga ukuphumelela emidlalweni emine ilandelela. Ethetha emva kwempumelelo yeRichards Bay izolo ngorhatya, uTruter uvumile ukuba uphantsi koxinizelelo.

“Ewe, ndiluyaluva uxinizelelo ngoba kufuneka ndiphumelele imidlalo. Kufana nakubadlali. Siya emidlalweni sifuna ukuphumelela. UMajoro ebelifumene ithuba lokufaka igowuli emdlalweni. Andonwabanga konke konke ngenxa yoxinizelelo. Iqela lethu liye emdlalweni ngaphandle kwabadlali abasixhenxe ngenxa yokonzakala kanti abanye abaphilanga,” utshilo uTruter, onikwe isivumelwano sengqesho seminyaka emibini ekupheleni kwesizini egqithileyo ngenxa yokuvala isizini ngendlela encumisayo. Akukacaci ukuba ngubani oza kungena endaweni kaTruter okwangoku. Amadoda angenamsebenzi akhoyo aquka uErnst Middendorp, uTebogo Moloi, uClinton Larsen, uLehlohonolo Seema noDylan Kerr ogxothwe yiSwallows FC kutshanje.