AmaZulu aphose elinye ithuba lokufumana amanqaku apheleleyo. Namhlanje abethwe yiTS Galaxy ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium kobu busuku. Ukubethwa kwawo AmaZulu kutsibe kwayokutsho kwidlalo emithathu ngoku engaphumelelanga namnye ukusukela oko abetha iKaizer Chiefs kwinyanga ephelileyo. Konke oku kwenzeka kakubi umqeqeshi wawo, uRomain Folz, enikwe isivumelwano esitsha sengqesho seminyaka emithathu yonke izolo ngabaphathi bakhe.
AmaZulu neTS Galaxy zinike igcuntswana labalandeli eMoses Mabhida Stadium umdlalo omnandi njengesiqhelo. Iindwendwe ziwelwe ngumqa esandleni emva kokuba uThembela Sikhakhane ewise umdlali weTS Galaxy phakathi emhlabeni kanozinti. Usompempe uyikhombe echaphazeni ibhola efakwe nguJunior Traore obethe uVeli Mothwa obekhe waphunyuzwa emdlalweni weNedbank Cup ogqithileyo AmaZulu abethe kuwo iTornado FC ngamagowuli amathathu kwamabini.
Usuthu luzamile ukulwela igowuli lokulinganisa phambi kwekhefu emva kokuba uAbbubaker Mobara engakwazanga ukusebenzisa kakuhle ithuba akhe walifumana. Amakhwenkwe kaFolz angene kwisigaba sesibini somdlalo ephantsi koxinizelelo ngoba ebedlalela ekhaya futhi enethutyana engasaphumeleli. USead Ramovic wenze iinguqu kwisigaba sesibini. Ufake igqala elaziwayo, uLindokuhle Mbatha endaweni kaMedina Rodrigues ngoba ebefuna ukukhusela igowuli ngokuhlasela AmaZulu ukuze angabinalo ithuba lokuphumla.
Yena uFolz ukhuphe uHendrick Ekstein noDumisani Zuma. Iindawo zabo zinikwe uGuily Manziba noBonginkosi Ntuli. Ikhokele ngamagowuli amabini iTS Galaxy emva kokuba uTraore efake elesibini. Alwile AmaZulu sekuphela ixesha ade avuzwa ngomzuzu wamashumi asibhozo anesine ngebhola efakwe nguSede Junior Dion odibene nebhola ebetheke emdlalweni weTS Galaxy isuka uKeagan Buchanan. Ngoku iqela likaTim Sukazi linamanqaku angamashumi amabini anesithandathu kwindawo yesixhenxe kwiDStv Premiership. Wona AmaZulu anamashumi amabini anane kwindawo yethoba.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’