AmaZulu aza kudibana ne-Orlando Pirates emdlalweni wokugqibela emva kokuba exhaye iKaizer Chiefs kwatsho kwaphela ngayo kwiMTN8. Oku kwenzeka emva kokuba AmaZulu ebambene ngeqanda neChiefs emdlalweni obuseMoses Mabhida Stadium emalanga namhlanje. Noxa kungekho qela eliphumeleleyo emidlalweni emibini, Usuthu luya phambili ngoba lifumene igowuli lebhasela emdlalweni wokuqala ophele ngegowuli elinye macala eFNB Stadium ekuqaleni kwale nyanga. Isigaba sokuqala siphele kungekho nto ebhodini. Umdlalo ubudikidiki, akukho qela elibonisileyo nyhani ukuba lifuna ukuphumelela umdlalo.
Amakhosi azamile ukudala igcuntswana lamathuba – kodwa uRiah Hanamub, uRamahlwe Mphahlele noMobara benze umsebenzi omhle kakhulu emva. Kanti yena uMakhehleni Makhaula ebelawula esiswini – kwaye uNjabulo Blom khange agqame njengakweminye imidlalo egqithileyo. Umqeqeshi weChiefs, uArthur Zwane, wothuse abantu abaninzi ngokufaka uBenfils-Caleb Bimenyimana nangona bekukho ingxelo ethi ngeke adlale inyanga yonke ngenxa yokonzakala. Udlalile yena – kodwa ebebonakala ukuba ayinguye lo uqhelekileyo. Lo nto iwancedile kakhulu AmaZulu. Bazamile ukunyusa umxakatho abadlali beChiefs kwisigaba sesibini.
UDolly, uSekgota noMaart bakhe bazama ukudibanisa iibhola – kodwa akukho nalinye elisetyenzisiweyo ithuba. Ukhutshiwe uBeminyimana kwisigaba sesibini, endaweni yakhe kwangena uKhama Biliat. Yena uRomain Folz wenze iinguqu naye eziqinisekise ukuba iChiefs ayicholi naphantsi emdlalweni wanamhlanje. Noxa abadlali beChiefs bebesebaleni – bekungekho nto ethi bafuna ukudlala emdlalweni wamagqibelakankqoyi weMTN8. Nangona AmaZulu akhe asokola ukufumana iziphumo ezincumisayo ezinyanzele abaphathi bamgxothe uBrandon Truter – kodwa wona akwazile ukulwela indawo yawo emdlalweni wokugqibela weMTN8 ongomhla wesihlanu wenyanga ezayo eMoses Mabhida Stadium.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’