AmaZulu ayibethele oogqirha nezicaka iCape Town City kowayo

ULehlohonolo Majoro evuyela igowuli lakhe emdlalweni AmaZulu abethe kuwo iCape Town City ngo’5-1. Umfanekiso: © Ryan Wilkisky/BackpagePix

Izikhotha amanxeba iCape Town City emva kokubethelwa oogqirha nezicaka ngaMaZulu aphumelele ngo’5-1 emdlalweni weDStv Premiership obutaka iintlantsi eCape Town Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Nangona Amazulu engafuni ukutsho ukuba ayayifuna indebe yeDStv Premiership – kodwa analo ithuba lokuyilwela emva kokuba iMamelodi Sundowns ingakwazanga ukuqokelela amanqaku apheleleyo emidlalweni egqithileyo. Isiqalo soSuthu sibe sihle emva kokuba u-Augustine Mulenga ebhakuzelise umnatha ngebhola ayinikelwe nguLehlohonolo Majoro.

Emva kwexesha elide kudlalwa, AmaZulu afumene ipenela emva kokuwiswa kukaLuvuyo Memela ebhokisini nguPeter Leeuwenburg. UTapelo Xoki uyithathe wayibeka emnatheni. Kuyiwe kwixesha lokuphumla AmaZulu ehamba phambili ngamagowuli amabini eqandeni. Kwisigaba sesibini, amakhwenkwe kaBenni McCarthy athathe apho ebeyeke khona kwesokuqala. UMajoro ubeke emnatheni igowuli lesithathu laMaZulu emva kokufumana ibhola entle kuMulenga. Kuye kwanyanzeleka uJan Olde Riekerink afake uCraig Martin noMduduzi Mdantsane kwisigaba sesibini akubona ukuba AmaZulu aze ngamandla.

USiyethemba Sithebe wenze impazamo ebhokisini efumene ngayo igowuli lokubika iCape Town City phambi kokufaka elakhe. AmaZulu aphumelele ngamagowuli amahlanu kwelinye elipheleni komdlalo. Ngoku ashiywa ngenqaku elinye kuphela yiMamelodi Sundowns ebambene ngeqanda neGolden Arrows emdlalweni obuseLoftus Stadium. Amakhosi abethwe ngo1-0 yiChippa United. Iphumelele ngo’1-0 iTS Galaxy ibetha iBaroka FC kanti yona iTshakhuma ibethe iBloemfontein Celtic ngo’1-0.