AmaZulu ayingombe yanaba iKaizer Chiefs ngamagowuli amane eqandeni (4-0) emdlalweni weDStv Premiership obutaka iintlantsi eMoses Mabhida Stadium namhlanje ebusu. Omabini aye emdlalweni wanamhlanje esophisa emva kokubethwa emidlalweni yempelaveki egqithileyo. AmaZulu avuke ngayo iChiefs kwaye ayibethele oogqirha nezicaka ngendlela eyothusayo. Kule sizini yodwa, emidlalweni emithathu – AmaZulu ayibethe kabini iChiefs eqeqeshwa ngumqheliswa uArthur Zwane. Okuye kwanomtsalane kakhulu kwisigaba sokuqala somdlalo kukuba iChiefs iye yavukelwa kakhulu ngabadlali abasuka kuyo. UDumisani Zuma ubhakuzelise umnatha kwangoko kwisigaba sokuqala emva kokufumana ibhola entle ebisuswe ekoneni nguGeorge Maluleka.
Emva komzuzu, iChiefs ifumene ipenela emva kokubanjwa kuka-Ashley Du Preez esebhokisini. Ngelishwa, uCaleb Bimenyimana akayifakanga loo bhola. UVeli Mothwa uyibambile yathula cwaka, lo nto iwanike amandla kakhulu AmaZulu abekeleme ngendlela emangalisayo. URamahlwe Mphahlele ufake igowuli lesibini ngentloko emva kwebhola ebisuka ekoneni. Igqithe ku-Itumeleng Khune obekufanele ukuba uyichithe ngamanqindi. Usuthu luye kwixesha lokuphumla lihamba phambili ngamagowuli amathathu emva kwelinye elifakwe nguJunior Dion ofumene ibhola ebhutyuzwe endaweni embi nguDove Edmilson noKhune. Kwisigaba sesibini iChiefs ibiwuphethe umdlalo – kodwa AmaZulu ebevale mba emva.
UNkosingiphile Ngcobo noYusuf Maart bazamile ukutyhala esiswini bencediswa nguSolomons noSekgota emaphikweni – kodwa khange kuvuleke. Emizuzwini yokugqibela yomdlalo, uBonginkosi Ntuli, ongene kwisigaba sesibini somdlalo, ubethelele isikhonkwane sokugqibela engcwatywe ngaso iChiefs ngegowuli elihle. AmaZulu athe ngcu kwindawo yesihlanu ngoku esuka kwindawo yeshumi elinesithandathu emva kokufumana amanqaku amathathu namhlanje. Impumelelo yanamhlanje uza kumphakamisa kakhulu uRomain Folz obesokola ukuphumelela imidlalo ukusukela wafika eMzantsi Afrika esengumqeqeshi weMarumo Gallants. Emidlalweni emine ilandelelana, iChiefs ayiphumelelanga namnye umdlalo. Lo nto ibeka uxinizelelo emagxeni kaZwane ekungacaciyo into ayenzayo kwiChiefs.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10