Inye indlela anokufumana ngayo intlonipho, uRomain “Fohloza” Folz, ebantwini baseMzantsi Afrika: kukuphumelela iindebe. Njengokuba AmaZulu esamkela iKaizer Chiefs emdlalweni weMTN8 emalanga ngomso eMoses Mabhida Stadium, elo lithuba lakhe lokuzibonakalisa ngokuphumelela ase iqela lakhe kumjikelo wokugqibela. Le ndedeba yaseFrance, eteketiswa ngegama elithi “Fohloza”, iceba ukubetha iChiefs ngomso. AmaZulu anethuba elihle lokuya emdlalweni wokugqibela weMTN8 emva kokufumana igowuli lebhasela ngoba abambana neChiefs ngegowuli elinye eFNB Stadium emdlalweni wokuqala. Umdlalo wangomso ujongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bebhola ekhatywayo – kodwa into eza kunzimela AmaZulu kukuba Amakhosi aza kube exhaswa ngabalandeli abaninzi eMoses Mabhida Stadium.
UFohloza, ongene endaweni kaBrandon Truter okhululwe ngaMaZulu ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo kwinyanga ephelileyo, uphantsi koxinizelelo ngoba akakaphumeleli namnye mdlalo ukusukela oko wafika ebholeni yaseMzanti Afrika. Phambi kokuqeshwa nguMnu. Sandile Zungu kwiiveki ezigqithileyo, uFolz ebengumqeqeshi weMarumo Gallants. “Ewe, imidlalo isixhenxe endingayiphumelelanga kuyo – kodwa ndisabethwe kanye qha,” utshilo uFolz ezithethela. “Akukabikho midlalo endiwuphumeleleyo, Ngaphandle kwalowa mnye, eminye iphele intanganye yonke. Ngoku besidlala neRoyal Am siyeke kwafakwa igowuli kuthi emizuzwini yokugqibela sikhokela.
“Kuninzi okwenzeke ngoku besidlala nePirates – kodwa ke ndingumntu ohlala enethemba. Xa ingqondo yakho uyibekile entweni futhi usebenza ngokuzimisela, iziphumo ezihle ziza kulandela. Siza kuya kwiChiefs ngokukhulu ukuzimisela. Sayisokolisa emdlalweni wokuqala. Kufuneka siyiphinde lo nto – kodwa sibe sinenjongo yokuphumelela umdlalo. Siza kuyibetha iChiefs siye emdlalweni wokugqibela weMTN8, utshilo uFolz. AmaZulu ayiqale kakuhle isizini – kubekhona ukugqwidiziza kweminye imidlalo. Emidlalweni esixhenxe, akukho namye awuphumeleleyo. UFolz unomthwalo wokunceda AmaZulu aphumelele imidlalo. UGabadinho Mhango ngoyena mdlali ofaka amagowuli AmaZulu aza kuthembela ngaye ngomso.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10